I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 82:1-8

Uncuthu lwengoma ka-Asafu. 82  UThixo uzimisa kwindibano+ yaLowo Ungokobuthixo;+ Phakathi koothixo uyagweba:+   “Kuya kude kube nini na nigweba ngokungekho sikweni+ Nikhetha ubuso babangendawo?+ Se′lah.   Yibani ngabagwebi ngenxa yalowo usisisweli nenkwenkwe engenayise.+ Menzeleni okusesikweni oxhwalekileyo nalowo usweleyo.+   Sisindiseni isisweli nalowo ulihlwempu;+ Bahlanguleni esandleni sabo bangendawo.”+   Abazi, yaye abaqondi;+ Baqhubeka behamba ebumnyameni;+ Zonke iziseko zomhlaba ziyashukunyiswa.+   “Ke mna ndithe, ‘ningoothixo,+ Kwaye nonke ningoonyana bOyena Uphakamileyo.+   Ngokuqinisekileyo niya kufa njengoko besenza abantu;+ Yaye niya kuwa njengayo nayiphi na inkosana!’”+   Vuka, Thixo, ugwebe umhlaba;+ Kuba wena ufanele uzenze ilifa zonke iintlanga.+

Umbhalo osemazantsi