I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 80:1-19

Kumalathisi weeNyibiba.+ Isikhumbuzo. Eka-Asafu.+ Uncuthu lwengoma. 80  Owu Malusi kaSirayeli, beka indlebe,+ Wena uqhuba uYosefu njengomhlambi.+ Owu wena uhleli phezu kweekherubhi,+ qaqamba.+   Ngaphambi koEfrayim noBhenjamin noManase wavuselele amandla akho,+ Uze usisindise.+   Owu Thixo, sibuyise;+ Uze ubukhanyise ubuso bakho,ukuze sisindiswe.+   Owu Yehova Thixo wemikhosi, kuya kude kube nini na uligwele ngumsindo nxamnye nomthandazo wabantu bakho?+   Ubadlise isonka seenyembezi,+ Yaye uqhubeka ubaselisa iinyembezi phezu kweenyembezi ngomlinganiselo omkhulu.+   Usimisela imbambano kubamelwane bethu,+ Neentshaba zethu ziqhubeka zisigculela ngokuthanda kwazo.+   Owu Thixo wemikhosi, sibuyise;+ Uze ubukhanyise ubuso bakho, ukuze sisindiswe.+   Wawenza wemka umdiliya eYiputa.+ Wazigxotha iintlanga, ukuze uwutyale.+   Wahlahla phambi kwawo,+ ukuze umile iingcambu uzalise ilizwe.+ 10  Iintaba zagutyungelwa ngumthunzi wawo, Nemisedare kaThixo ngamasebe awo.+ 11  Wakhupha amasebe awo afikelela elwandle,+ Namasetyana awo afikelela eMlanjeni.+ 12  Uzidilizele ntoni na iindonga zawo zamatye,+ Yaye kutheni bonke abo badlulayo ngendlela besikha kuwo?+ 13  Ingulube ephuma ehlathini iyaqhubeka iwudla,+ Nezilwanyana ezininzi zasendle ziqhubeka zisidla kuwo.+ 14  Owu Thixo wemikhosi, nceda ubuye;+ Khangela phantsi usezulwini ubone uze uwunyamekele lo mdiliya,+ 15  Nesikhondo esityalwe sisandla sakho sasekunene,+ Uze ukhangele unyana ozomelezele yena.+ 16  Sitshiswa ngomlilo, siyanqunyulwa.+ Bayatshabalala kukukhalinyelwa bubuso bakho.+ 17  Isandla sakho masibe phezu komntu okwisandla sakho sasekunene,+ Phezu konyana womntu ozomelezele yena,+ 18  Yaye asiyi kuphambuka kuwe.+ Ngamana ungasigcina siphila, ukuze sibize egameni lakho.+ 19  Owu Yehova Thixo wemikhosi, sibuyise;+ Bukhanyise ubuso bakho, ukuze sisindiswe.+

Umbhalo osemazantsi