I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 8:1-9

Kumalathisi weGititi.+ Uncuthu lwengoma kaDavide. 8  Owu Yehova Nkosi yethu, hayi indlela elinobungangamsha ngayo igama lakho emhlabeni wonke,+ Isidima sakho siphela sibaliswa ngaphezu kwamazulu!+   Emilonyeni yabantwana nabanyayo useke amandla,+ Ngenxa yabo babonisa ubutshaba kuwe,+ Ukuze wenze uthsaba nalowo uziphindezelelayo ayeke.+   Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho,+ Inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo,+   Uyintoni na umntu ofayo+ le nto umkhumbulayo,+ Nonyana womntu wasemhlabeni le nto umnyamekelayo?+   Wamenza wangaphantsi kancinane kwabo banjengothixo,+ Waza wamthwesa ngozuko+ nobungangamsha.+   Umenza alawule imisebenzi yezandla zakho;+ Yonke into uyibeke phantsi kweenyawo zakhe:+   Amathole neenkabi zeenkomo, zonke,+ Kwanamarhamcwa asendle,+   Iintaka zezulu neentlanzi zolwandle,+ Nantoni na edlula kwiindlela zeelwandle.+   Owu Yehova Nkosi yethu, hayi indlela elinobungangamsha ngayo igama lakho emhlabeni wonke!+

Umbhalo osemazantsi