Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

Khetha ulwimi IsiXhosa

INdumiso 79:1-13

Uncuthu lwengoma ka-Asafu. 79  Owu Thixo, iintlanga zingene kwilifa lakho;+Ziyenze inqambi itempile yakho engcwele;+IYerusalem ziyenze imfumba yamanxuwa.+   Isidumbu sabakhonzi bakho basinikele kwiintaka zamazulu njengokudla,+Inyama yabanyanisekileyo bakho bayinika amarhamncwa omhlaba.+   Igazi labo baliphalaze njengamanziLajikeleza iYerusalem, kungekho ubangcwabayo.+   Silungcikivo kubamelwane bethu,+Into yokugxekwa nokugculelwa ngabo basijikelezileyo.+   Kuya kude kube nini na, Yehova, unomsindo? Ngaba koda kube ngonaphakade?+Kuya kude kube nini na ikhwele lakho livutha njengomlilo?+   Phalaza umsindo wakho ezintlangeni ezingakwaziyo,+Nakwizikumkani ezingabizanga egameni lakho.+   Kuba zimdle zamgqiba uYakobi,+Zaza zayiphanzisa indawo yakhe yokuhlala.+   Musa ukuzikhumbulela kuthi iziphoso zamanyange.+Khawuleza! Mazisihlangabeze iinceba zakho,+Kuba sihlwempuzeke kakhulu.+   Sincede, Thixo wosindiso lwethu,+Ngenxa yozuko lwegama lakho;+Usihlangule uzigubungele izono zethu ngenxa yegama lakho.+ 10  Kutheni iintlanga zifanele zithi: “Uphi na uThixo wabo?”+Makwaziwe phakathi kweentlanga phambi kwamehlo akho+Ukuphindezelwa kwegazi labakhonzi bakho eliphalaziweyo.+ 11  Ngamana ukuncwina kwebanjwa kungafika phambi kwakho.+Ngokobukhulu bengalo yakho bagcine abo bamiselwe ukufa.+ 12  Ubabuyekeze abamelwane bethu izihlandlo ezisixhenxe esifubeni sabo+Ungcikivo lwabo abakungcikive ngalo, Yehova.+ 13  Ke thina bantu bakho nomhlambi wedlelo lakho,+Siya kukubulela ukusa kwixesha elingenammiselo;Ukususela kwisizukulwana ukusa kwisizukulwana siya kuyivakalisa indumiso yakho.+

Umbhalo osemazantsi