Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 77:1-20

Kumalathisi weYedutun. Eka-Asafu.+ Uncuthu lwengoma. 77  Ngelizwi lam ndiya kudanduluka kuThixo,+Ngelizwi lam kuThixo, yaye ngokuqinisekileyo uya kundibekela indlebe.+   Ngemini yokubandezeleka kwam ndimfunile uYehova.+Ebusuku isandla sam soluliwe yaye asibi ndindisholo;Umphefumlo wam awuvumi kuthuthuzelwa.+   Ndiya kumkhumbula uThixo ndixokozele;+Ndiya kubonakalisa ukuxhalaba, ukuze umphefumlo wam utyhafe.+ Seʹlah.   Uzibambile iinkophe zam;+Ndiphazamisekile, yaye andikwazi ukuthetha.+   Ndicinge ngeemini zakudala,+Ngeminyaka yexesha eladlulayo elingenammiselo.   Ndiya kuwukhumbula umculo wam womrhubhe ebusuku;+Ngentliziyo yam ndiya kubonakalisa ukuxhalaba kwam,+Nomoya wam uya kugocagoca ngenyameko.   Ngaba uYehova uya kuqhubeka elahla ukusa kwixesha elingenammiselo,+Yaye ngaba akasayi kukholiswa kwakhona?+   Ngaba ububele bakhe bothando bunqamke ngonaphakade?+Ngaba atshitshile+ amazwi akhe kwizizukulwana ngezizukulwana?   Ngaba uThixo ukulibele ukuba nobabalo,+Okanye ngaba uzivalele ngomsindo iinceba zakhe?+ Seʹlah. 10  Yaye ngaba ndiya kuqhubeka ndisithi: “Oku kuko okundihlabayo,+Ukutshintsha kwesandla sasekunene sOyena Uphakamileyo”?+ 11  Ndiya kulukhumbula uqheliselo lukaYa;+Kuba ndiya kukukhumbula ukwenza kwakho kwakudala.+ 12  Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kucamngca ngayo yonke imisebenzi yakho,+Ndizixhalabise ngezenzo zakho.+ 13  Owu Thixo, indlela yakho isendaweni engcwele.+Ngubani na uThixo omkhulu njengoThixo?+ 14  UnguTHIXO oyinyaniso, owenza ngokumangalisayo.+Phakathi kwezizwana uwazisile amandla akho.+ 15  Ubahlangule ngengalo yakho abantu bakho,+Oonyana bakaYakobi nabakaYosefu. Seʹlah. 16  Akubonile amanzi, Thixo,Akubonile amanzi; aba sentlungwini eqatha.+Kwakhona, amanzi anzongonzongo aqalisa ukuphazamiseka.+ 17  Amafu eneendudumo aphalaze amanzi;+Isandi esikhutshwe sisibhakabhaka esinamafu.Kwakhona, iintolo zakho zahambahamba.+ 18  Isandi sendudumo yakho safana namavili enqwelo;+Imibane ikhanyise ilizwe elinemveliso;+Umhlaba waphazamiseka waza waqalisa ukunyikima.+ 19  Indlela yakho yayinqumla ulwandle,+Nomendo wakho unqumla amanzi amaninzi;Imikhondo yakho ayaziwa. 20  Abantu bakho ubakhokele njengomhlambi,+Ngesandla sikaMoses noAron.+

Umbhalo osemazantsi