Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nd 76:1-12

Kumalathisi wemirhubhe. Uncuthu lwengoma. Eka-Asafu.+ Ingoma. 76  UThixo uyaziwa kwaYuda;+ KwaSirayeli igama lakhe likhulu.+   Indawo yakhe esekusithekeni iseSalem,+ Nendawo yakhe yokuhlala iseZiyon.+   Wayaphula apho imiphini enombane yesaphetha,+ Ikhaka nekrele nedabi.+ Seʹlah.   Ugutyungelwe kukukhanya, okunobungangamsha ngaphezu kweentaba zexhoba.+   Abo baneentliziyo ezomeleleyo baphangiwe,+ Bozele ebuthongweni babo,+ Yaye akukho namnye kuwo onke amadoda anobukroti ozifumeneyo izandla zabo.+   Kukhalimelo lwakho, Thixo kaYakobi, umqhubi wenqwelo nehashe balele yoyi.+   Wena—uyoyikeka,+ Ngubani onokuma phambi kwakho ngenxa yamandla omsindo wakho?+   Usemazulwini wabangela imbambano yomthetho yeviwa;+ Umhlaba woyika waza wazola+   Xa uThixo waphakamayo ukuze agwebe,+ Asindise bonke abalulamileyo bomhlaba.+ Seʹlah. 10  Kuba umsindo womntu uya kukubonga;+ Umsindo oseleyo uya kuwubhinqa. 11  Yenzani isibhambathiso nize nisifezekise kuYehova uThixo wenu, nonke nina bamjikelezileyo.+ Mabamzisele isipho besoyika.+ 12  Uya kuwuthoba umoya weenkokeli;+ Uyoyikeka kookumkani bomhlaba.+

Umbhalo osemazantsi