Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 75:1-10

Kumalathisi. “Ungonakalisi.” Uncuthu lwengoma. Eka-Asafu.+ Ingoma. 75  Siyakubulela, Thixo; siyakubulela,+ Negama lakho likufuphi.+ Abantu bamele bavakalise imisebenzi yakho emangalisayo.+   “Kuba ndathabatha ixesha elibekiweyo;+ Ndaqalisa ukugweba ngokuthe tye.+   Umhlaba nabo bonke abemi bawo bayabhangiswa,+ Ndim owalungisa iintsika zawo.”+ Seʹlah.   Ndathi kwabazizidenge: “Musani ukuba zizidenge,”+ Ndaza ndathi kwabangendawo: “Musani ukuluphakamisa uphondo.+   Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu. Musani ukuthetha ngentamo ekhukhumeleyo.+   Kuba akuveli empuma kungaveli entshona, Kungaveli nasemzantsi ukuphakanyiswa.   Kuba nguThixo umgwebi.+ Uyamthoba lo, amphakamise lowa.+   Kuba kukho indebe esandleni sikaYehova,+ Yaye iwayini iphuphuma ugwebu, iphithikeziwe. Ngokuqinisekileyo uya kuzichitha iintsipho zayo; Bonke abangendawo bomhlaba baya kuzihluza, bazisele.”+   Kodwa mna ke, ndiya kukuxela kuse kwixesha elingenammiselo; Ndiya kumculela uncuthu lwengoma uTHIXO kaYakobi.+ 10  “Neempondo zonke zabangendawo ndiya kuzaphula.”+ Iimpondo zamalungisa ziya kuphakanyiswa.+

Umbhalo osemazantsi