I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 74:1-23

IMaskili. Eka-Asafu.+ 74  Kutheni, Thixo, usilahle ngonaphakade?+ Kutheni umsindo wakho uqhubeka uvutha emhlambini wedlelo lakho?+   Yikhumbule indibano yakho owayizuza kudala,+ Isizwe owasikhulula njengelifa lakho,+ Le Ntaba yaseZiyon ohlala kuyo.+   Phakamisa amanyathelo akho uye kwiziphanziso ezihlala zihleli.+ Yonke into utshaba oluyiphathe kakubi endaweni engcwele.+   Abo babonisa ubutshaba kuwe bayagquma phakathi endaweni yokuhlangana.+ Bamisele eyabo imiqondiso njengemiqondiso.+   Udume kakubi lowo unjengalowo uphakamisela intshinyela yemithi izembe.   Ngoku ke kwanemikrolo yalo, xa iyonke, bayixabela ngezenjana nomqadi onencam yentsimbi.+   Ingcwele yakho bayifake emlilweni.+ Umnquba wegama lakho bawuhlambele emhlabeni.+   Bona, kwanenzala yabo, ndawonye bathe entliziyweni yabo: “Zonke iindawo zikaThixo zokuhlangana zimele zitshiswe elizweni.”+   Imiqondiso yethu asiyibonanga; akusekho mprofeti,+ Kuthi akukho bani waziyo ukuba kuya kude kube nini na. 10  Kuya kude kube nini na, Thixo, utshaba luqhubeka lungcikiva?+ Ngaba utshaba luya kuqhubeka luliphatha ngokungenantlonelo ngonaphakade igama lakho?+ 11  Kutheni uqhubeka usifinyezile isandla sakho, kwanesandla sakho sasekunene+ Phakathi esifubeni sakho ukuze usigqibe? 12  Ukanti uThixo nguKumkani wam kususela kudala,+ NguLowo ubangela usindiso oluzukileyo emhlabeni.+ 13  Wena uluzamazamisile ulwandle ngamandla akho;+ Uzaphule iintloko zezilo ezikhulu zaselwandle ezisemanzini.+ 14  Wena uzityumze zaziingceba iintloko zeLeviyatan.+ Waza wayinika abantu njengokutya, abo bahleli kwimimandla enamanzi.+ 15  Nguwe owahlukanisa umthombo nomsinga;+ Wena womisa imilambo engatshiyo.+ 16  Yeyakho imini; nobusuku bobakho.+ Nguwe owalungiselela isikhanyiso, kwanelanga.+ 17  Yayinguwe owamisela yonke imida yomhlaba;+ Ihlobo nobusika—nguwe owazenzayo.+ 18  Khumbula oku: Utshaba lungcikivile, Yehova,+ Nabantu abangenangqiqo baliphathe ngokungenantlonelo igama lakho.+ 19  Musa ukuwunikela kwirhamncwa umphefumlo wehobe lasendle.+ Musa ukubulibala ubomi babo baxhwalekileyo bakho.+ 20  Wukhangele umnqophiso,+ Kuba iindawo ezimnyama zomhlaba zizaliswe ziindawo zokuhlala zogonyamelo.+ 21  Owu kwanga lowo utyunyuziweyo akangebuyi ethotyiwe.+ Kwanga lowo uxhwalekileyo nalowo ulihlwempu bangalidumisa igama lakho.+ 22  Sukuma, Thixo, sichophele isimangalo sakho.+ Kukhumbule ukungcikivwa kwakho ngulowo ungenangqiqo imini yonke.+ 23  Ungalilibali ilizwi labo babonisa ubutshaba kuwe.+ Ingxolo yabo bakuvukelayo iyenyuka rhoqo.+

Umbhalo osemazantsi