Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 73:1-28

Uncuthu lwengoma ka-Asafu.+ 73  Eneneni uThixo ulungile kuSirayeli, kwabo bantliziyo zihlambulukileyo.+   Ke mna, iinyawo zam beziphantse zathi gu bucala,+ Ukunyathela kwam bekuphantse kwenziwa kwatyibilika.+   Kuba ndabamonela abaqhayisi,+ Xa ndandibona uxolo lwabantu abangendawo.+   Kuba abananimba ibulalayo;+ Nenteshe yabo ityebile.+   Yaye abakho nasezinkathazweni zomntu ofayo,+ Ibe abakhathazwa ngokufanayo nabanye abantu.+   Ukuziphakamisa kwabo kusebenze njengentsimbi yomqala kubo;+ Ugonyamelo lubagubungela njengesambatho.+   Iliso labo lithe phuhlu ngenxa yokutyeba;+ Bayigqithile intelekelelo yentliziyo.+   Bayagxeka baze bathethe okubi;+ Ngokuqhatha bathetha ngesimbo esiphakamileyo.+   Umlomo wabo bawubeke emazulwini,+ Nolwimi lwabo luhambahamba emhlabeni.+ 10  Ngoko ke abantu bakhe ubabuyisela apha, Namanzi amaninzi ayakhanywa. 11  Yaye bathe: “Waze njani uThixo?+ Yaye ngaba unolwazi na Oyena Uphakamileyo?”+ 12  Khangela! Aba ngabangendawo, abahleli ngokukhululeka ngokungenammiselo.+ Babandisile ubuncwane babo.+ 13  Ngokuqinisekileyo kulilize ukuyihlambulula kwam intliziyo yam+ Nokuhlamba kwam izandla zam ngobumsulwa.+ 14  Ndiye ndakhathazwa imini yonke,+ Yaye ndilungiswa intsasa nganye.+ 15  Ukuba bendithe: “Ndiya kuchaza ibali elinjalo,” Khangela! kwisizukulwana soonyana bakho Bendiya kuba ndenze ngobuqhophololo.+ 16  Yaye ndiye ndaqhubeka ndicinga ukuze ndikwazi oku;+ Bekuyinkathazo emehlweni am, 17  De ndafikelela kwingcwele ezukileyo kaThixo.+ Bendifuna ukuqonda ikamva labo.+ 18  Ngokuqinisekileyo ubabeka emhlabeni omtyibilizi.+ Ubenze bawa bonakala.+ 19  Owu hayi indlela abayinto yokukhwankqiswa ngayo njengephanyazo!+ Hayi indlela abafikelele esiphelweni sabo ngayo, bafikelele esiphelweni ngento enkwantyisa ngequbuliso! 20  Njengephupha emva kokuvuka, Yehova,+ Ngoko xa uzivuselele uya kuwudela umfanekiso wabo.+ 21  Kuba intliziyo yam yenziwa muncu+ Ndaza ndahlabeka ezintsweni zam,+ 22  Yaye ndandingaqiqi yaye ndandingenakwazi;+ Ndafana nesilo nje kuphela ngokwembono yakho.+ 23  Kodwa ndinawe rhoqo;+ Usibambile isandla sam sasekunene.+ 24  Uya kundikhokela ngecebo lakho,+ Emva koko uya kundithabatha undinike uzuko.+ 25  Ngubani na endinaye emazulwini?+ Ngaphandle kwakho ayikho enye into endiyolisayo emhlabeni.+ 26  Inyama yam nentliziyo yam iphelelwe.+ UThixo uliliwa lentliziyo yam nesabelo sam ukusa kwixesha elingenammiselo.+ 27  Kuba, khangela! abo badedela kude nawe baya kutshabalala.+ Ngokuqinisekileyo uya kuthulisa bonke abo bakushiya ngokuziphatha okubi.+ 28  Kodwa ke mna, ukusondela kuThixo kulungile kum.+ Ndisabela kwiNkosi enguMongami uYehova,+ Ukuze ndivakalise yonke imisebenzi yakho.+

Umbhalo osemazantsi