I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 72:1-20

Ngokuphathelele uSolomon. 72  Owu Thixo, mnike ukumkani izigwebo zakho,+ Nobulungisa bakho unyana wokumkani.+   Ngamana angaligweba ngobulungisa ityala labantu bakho+ Nelabaxhwalekileyo bakho ngemimiselo.+   Iintaba mazibazisele uxolo abantu,+ Kwaneenduli, ngobulungisa.   Makabagwebe abaxhwalekileyo ebantwini,+ Makabasindise oonyana babo bangamahlwempu, Makamtyumze lowo uqhathayo.   Baya kukoyika logama nje kusekho ilanga,+ Naphambi kwenyanga isizukulwana emva kwesizukulwana.+   Uya kuhlela phezu kwengca echetyiweyo njengemvula,+ Njengomvumbi omanzisa umhlaba.+   Ngomhla wakhe uya kuhluma olilungisa,+ Nobuninzi boxolo ide ingabi sabakho inyanga.+   Uya kuba nabalawulwa abasukela elwandle baye kufikelela elwandle+ Basukele eMlanjeni+ base eziphelweni zehlabathi.+   Phambi kwakhe abemi bemimandla engenamanzi baya kuqubuda,+ Neentshaba zakhe ziya kukhotha uthuli.+ 10  Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi+ Baya kuhlawula unikelo.+ Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha— Baya kunikela isipho.+ 11  Yaye bonke ookumkani baya kuqubuda kuye;+ Ke zona zonke iintlanga ziya kumkhonza.+ 12  Kuba uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo,+ Kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi.+ 13  Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu,+ Nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa.+ 14  Uya kuwukhulula umphefumlo wabo kwingcinezelo nakugonyamelo. Negazi labo liya kuxabiseka emehlweni akhe.+ 15  Makaphile,+ aze anikwe nethile kwigolide yakwaShebha.+ Kuze kuthandazwe rhoqo ngenxa yakhe; Makabongwe imini yonke.+ 16  Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni;+ Encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.+ Isiqhamo sakhe siya kuba njengaseLebhanon,+ Nabo baphuma esixekweni baya kutyatyamba njengotyani bomhlaba.+ 17  Igama lakhe malifikelele kwixesha elingenammiselo;+ Malande phambi kwelanga igama lakhe, Mabazisikelele ngaye;+ Zonke iintlanga mazibhengeze ukuba unoyolo.+ 18  Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli,+ Nguye yedwa owenza imisebenzi emangalisayo.+ 19  Malibongwe igama lakhe elizukileyo kuse kwixesha elingenammiselo,+ Nozuko lwakhe luzalise umhlaba wonke.+ Amen Amen. 20  Imithandazo kaDavide, unyana kaYese,+ ifikelele esiphelweni.

Umbhalo osemazantsi