Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 71:1-24

71  Ndisabela kuwe, Yehova.+Owu akwaba andingebi nazintloni.+   Ngamana ungandihlangula ngobulungisa bakho undisindise.+Ndithobele indlebe yakho undisindise.+   Yiba yinqaba eliliwa kum endiya kungena kuyo rhoqo.+Umele uyalele ukuba ndisindiswe,+Kuba uyingxondorha yam negwiba lam.+   Owu Thixo wam, ndisindise esandleni sabangendawo,+Entendeni yalowo wenza ngokungekho sikweni nocinezelayo.+   Kuba ulithemba lam,+ Nkosi enguMongami Yehova, endithembele ngaye kususela ebutsheni.+   Bendizixhasa ngawe kususela ndisesiswini;+UnguLowo undahlukanisayo nezibilini zikama.+Ndikudumisa rhoqo.+   Kubantu abaninzi ndinjengommangaliso;+Kodwa wena uyindawo yam yokusabela eyomeleleyo.+   Umlomo wam uzaliswe yindumiso yakho,+Bubuhle bakho imini yonke.+   Musa ukundilahla ngexesha lobudala;+Xa amandla am ephela, musa ukundishiya.+ 10  Kuba iintshaba zam zithe ngam,+Nabo balinda umphefumlo wam ngokumanyeneyo bacebisene,+ 11  Besithi: “UThixo umshiyile.+Msukuleni nimbambe, ngokuba akukho mhlanguli.”+ 12  Owu Thixo, musa ukuchasela kum.+Owu Thixo wam, khawuleza ukuza kundinceda.+ 13  Ngamana bangaba neentloni, baphele, abachasa umphefumlo wam.+Ngamana bangazigqubuthela ngongcikivo nokuthotywa abo bandifunela intlekele.+ 14  Kodwa ke mna, ndiya kulinda rhoqo,+Ndize ndongeze kwindumiso yakho yonke. 15  Umlomo wam uya kubalisa ubulungisa bakho,+Imini yonke usindiso lwakho,+Kuba andilazi inani labo.+ 16  Ndiya kufika ngamandla azukileyo,+ Nkosi enguMongami+ Yehova;Ndiya kubukhankanya ubulungisa bakho, obakho wedwa.+ 17  Owu Thixo, undifundise ukususela ebutsheni bam,+Yaye kude kube ngoku ndiqhubeka ndixela imisebenzi yakho emangalisayo.+ 18  Owu Thixo, musa ukundishiya ndide ndibe mdala ndibe nezimvi,+De ndixelele izizukulwana ngengalo yakho,+Kubo bonke abo baza kuza, ngamandla akho.+ 19  Ubulungisa bakho, Thixo, bufikelela kwindawo ephakamileyo;+Ngokuphathelele izinto ezinkulu ozenzileyo,+Owu Thixo, ngubani na onjengawe?+ 20  Ngenxa yokuba undenze ndabona ukubandezeleka neentlekele ezininzi,+Kwanga ungandivuselela kwakhona;+Uze undikhuphe emanzini anzongonzongo omhlaba.+ 21  Ngamana ungabandisa ubukhulu bam,+Yaye kwanga ungandingqonga undithuthuzele.+ 22  Nam, ndiya kukubonga ngohlobo oluthile lomrhubhe,+Ngokuphathelele ukuba yinyaniso kwakho, Thixo wam.+Ndiya kukuculela uncuthu lwengoma ngohadi, Wena uyiNgcwele kaSirayeli.+ 23  Imilebe yam iya kumemelela ngovuyo xa ndityekele ekukuculeleni uncuthu lwengoma,+Kwanomphefumlo wam owukhululeyo.+ 24  Kwanolwimi lwam, luya kubuvakalisa ngesandi esiphantsi ubulungisa bakho, imini yonke,+Kuba baneentloni, kuba badanile, abo bafuna ndehlelwe yintlekele.+

Umbhalo osemazantsi