Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 7:1-17

Isimbonono sikaDavide awasivumela uYehova ngokuphathelele amazwi kaKushi umBhenjamin. 7  Owu Yehova Thixo wam,+ ndisabela kuwe.+Ndisindise kubo bonke abo banditshutshisayo uze undihlangule,+   Ukuze kungabikho namnye uwuqwengayo umphefumlo wam njengoko isenza ingonyama,+Andixhwile xa kungekho mhlanguli.+   Owu Yehova Thixo wam, ukuba ndikwenzile oku,+Ukuba kukho okungekho sikweni ezandleni zam,+   Ukuba lowo undivuzayo ndimbuyekeze ngokubi,+Okanye ukuba ndiphange nabani na obonisa ubutshaba kum andaphumelela,+   Utshaba maluwusukele umphefumlo wam+Uze uluvumele lubufumane luze lubunyathelele emhlabeni ubomi bamLubangele uzuko lwam luhlale eluthulini. Seʹlah.   Sukuma, Yehova, emsindweni wakho;+Ziphakamise ekudubulekeni kokuvutha komsindo wabo babonisa ubutshaba kum,+Vuka ngenxa yam,+ ekubeni unikele umyalelo womgwebo.+   Mayikungqonge indibano yamaqela eentlanga,Uze nxamnye nayo ubuye uphezulu.   UYehova uya kuwisa isigwebo kwizizwana.+Ndigwebe, Yehova, ngokobulungisa bam+Nangokwengqibelelo+ ekum.   Mabuphele ububi babangendawo,+Uze ummisele lowo ulilungisa;+Yaye uThixo njengolilungisa+ uvavanya intliziyo+ nezintso.+ 10  Ikhaka lam likuThixo,+ uMsindisi wabo bathe tye entliziyweni.+ 11  UThixo nguMgwebi olilungisa,+Yaye uThixo uqalekisa yonke imihla. 12  Ukuba nabani na akayi kubuya,+ ikrele Lakhe uya kulilola,+Isaphetha sakhe uya kusigoba ngokuqinisekileyo, aze asilungiselele ukutola.+ 13  Yena umele azilungiselele izixhobo zokufa;+Iintolo zakhe uya kuzenza zidangazele.+ 14  Khangela! Kukho lowo umithi okwenzakalisayo,+Yaye ukhawule inkathazo kwaye umele azale ubuxoki.+ 15  Ugrumbe umhadi, waza wawumba;+Kodwa uya kuwela emngxunyeni awenzileyo.+ 16  Inkathazo yakhe iya kubuyela entlokweni yakhe,+Yaye ugonyamelo lwakhe luya kuhlela phezu kokakayi lwentloko yakhe.+ 17  Ndiya kumbonga uYehova ngenxa yobulungisa bakhe,+Yaye ndiya kulivumela uncuthu lwengoma igama+ likaYehova Oyena Uphakamileyo.+

Umbhalo osemazantsi