I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 67:1-7

Kumalathisi wemirhubhe. Uncuthu lwengoma, ingoma. 67  UThixo uya kusibabala, asisikelele;+ Ubuso bakhe uya kubenza bukhanye kuthi+Se′lah   Ukuze indlela yakho yaziwe emhlabeni,+ Usindiso lwakho naphakathi kweentlanga.+   Izizwana mazikubonge, Thixo;+ Izizwana mazikubonge, xa zizonke.+   Amaqela eentlanga mawabe nemihlali aze amemelele ngovuyo,+ Kuba uya kuzigweba izizwana ngokuthe tye;+ Ke wona amaqela eentlanga, uya kuwakhokela emhlabeni. Se′lah.   Izizwana mazikubonge, Thixo;+ Izizwana mazikubonge, xa zizonke.+   Umhlaba uya kunika imveliso yawo;+ UThixo, uThixo wethu, uya kusisikelela.+   UThixo uya kusisikelela,+ Yaye zonke iziphelo zomhlaba ziya kumoyika.+

Umbhalo osemazantsi