INdumiso 66:1-20
Kumalathisi. Ingoma, uncuthu lwengoma.
66 Dumani ngoloyiso kuThixo, nonke nina bantu bomhlaba.+
2 Luculeleni uncuthu lwengoma uzuko lwegama lakhe.+Nikelani indumiso ezukileyo kuye.+
3 Yithini kuThixo: “Hayi indlela eyoyikeka ngayo imisebenzi yakho!+Ngenxa yobuninzi bamandla akho iintshaba zakho ziya kuza kuwe zikhokhoba.+
4 Bonke abantu bomhlaba baya kuqubuda kuwe,+Yaye baya kukuculela uncuthu lwengoma, baya kuliculela uncuthu lwengoma igama lakho.”+ Seʹlah.
5 Yizani bantu, nibone imisebenzi kaThixo.+Ukuqhubana kwakhe noonyana babantu kuyoyikeka.+
6 Ulwandle uluguqulele ekubeni ngumhlaba owomileyo;+Umlambo bawuwela ngeenyawo.+Apho saqalisa ukuba nemihlali ngaye.+
7 Ulawula ngamandla akhe kuse kwixesha elingenammiselo.+Amehlo akhe aqhubeka ejonge iintlanga.+Ke bona abo baneenkani, mabangaphakanyiswa.+ Seʹlah.
8 Mbongeni uThixo wethu, zizwana,+Nize nibangele ilizwi lokumdumisa liviwe.+
9 Ubeka umphefumlo wethu ebomini,+Yaye akaluvumelanga lushukume unyawo lwethu.+
10 Kuba usihlolisisile, Thixo;+Usisulungekisile njengaxa kusulungekiswa isilivere.+
11 Usingenisa emnatheni wokuzingela;+Ubeke ingcinezelo esinqeni sethu.
12 Ukhwelise umntu ofayo ezintlokweni zethu;+Sidlule emlilweni nasemanzini,+Waza wasikhulula.+
13 Ndiya kuza endlwini yakho neminikelo etshiswa kuphele;+Ndiya kuzifezekisa kuwe izibhambathiso zam+
14 Eyavulekayo imilebe yam ukuze izitsho+Owazithethayo umlomo wam ndakuba sezingxakini ezinkulu.+
15 Ndiya kunikela kuwe iminikelo etshiswa kuphele yamathole atyetyisiweyo,+Ngomsi wombingelelo weenkunzi zeegusha.Ndiya kunikela inkunzi yenkomo neenkunzi zeebhokhwe.+ Seʹlah.
16 Yizani, niphulaphule, nonke nina boyika uThixo, yaye ndiya kubalisa+Oko akwenzele umphefumlo wam.+
17 Ndibize kuye ngomlomo wam,+Kwaza kwabakho ukubonga ngolwimi lwam.+
18 Ukuba kukho nantoni na endiyigqale njengeyenzakalisayo entliziyweni yam,UYehova akayi kundiva.+
19 Enyanisweni uThixo uvile;+Unikele ingqalelo kwilizwi lomthandazo wam.+
20 Makabongwe uThixo, ongawususanga umthandazo wam,Nobubele bakhe bothando kum.+