I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 65:1-13

Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. Ingoma. 65  Owu Thixo, iza kuwe indumiso—ukuthula—Thixo, eZiyon;+ Yaye isibhambathiso siya kufezekiswa kuwe.+   Owu mphulaphuli wemithandazo, abantu bayo yonke inyama baya kuza kuwe.+   Izinto ezisisiphoso zingqineke zinamandla kunam.+ Ke kona ukunxaxha kwethu, uya kukugubungela.+   Unoyolo lowo umkhethayo uze umbangele asondele,+ Ukuze ahlale ezintendelezweni zakho.+ Ngokuqinisekileyo siya kwaneliswa kukulunga kwendlu yakho,+ Indawo engcwele yetempile yakho.+   Uya kusiphendula ngezinto ezoyikekayo ngobulungisa,+ Thixo wosindiso lwethu,+ INkoloseko yayo yonke imida yomhlaba nabo bakude elwandle.+   Umisela ngokuqinileyo iintaba ngamandla akhe;+ Eneneni ubhinqe ukomelela.+   Uthulisa ingxolo yeelwandle,+ Ingxolo yamaza azo nengxokozelo yamaqela eentlanga.+   Abemi bezona nxalenye ziseziphelweni baya kuyoyika imiqondiso yakho;+ Ukuphuma kwentsasa nokuhla ukubangela kumemelele ngovuyo.+   Uyiphethulele emhlabeni ingqalelo yakho, ukuze uwunike intabalala;+ Uwutyebisa kakhulu. Umsinga ovela kuThixo uzele ngamanzi.+ Ulungisa ukudla kwabo okuziinkozo,+ Kuba leyo yindlela owulungisa ngayo umhlaba.+ 10  Kukho ukuzaliswa ngamanzi kwemijelo yawo, ukulungelelaniswa kwamafu awo;+ Uwuthambisa ngomvumbi; uyawasikelela amahlumelo awo.+ 11  Unyaka uwuthwese ukulunga kwakho,+ Yaye umkhondo wakho uthontsiza ukutyeba.+ 12  Amadlelo asentlango aqhubeka ethontsiza,+ Yaye iinduli zibhinqa uvuyo.+ 13  Amadlelo ambeswe imihlambi,+ Iintili zigutyungelwe kukudla okuziinkozo.+ Ziduma ngoloyiso, ewe, ziyacula.+

Umbhalo osemazantsi