Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 64:1-10

Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. 64  Live, Thixo, ilizwi lam ekuxhalabeni kwam.+Ekunkwantyisweni lutshaba ngamana ungabulondoloza ubomi bam.+   Ngamana ungandifihla kwigqugula labenzi bobubi,+Kwisiphithiphithi sabo baqhelisela okwenzakalisayo,+   Abalulole kanye njengekrele ulwimi lwabo,+Abalujolisileyo utolo lwabo, intetho ekrakra,+   Ukuze batole besezindaweni ezifihlakeleyo lowo ungenakusoleka.+Ngequbuliso bayamtola yaye aboyiki.+   Babambelela kwintetho embi;+Bathetha ngokufihla izibatha.+Bathe: “Ngubani na obabonayo?”+   Baqhubeka befuna izinto ezingezozabulungisa;+Bafihle icebo lobuqili eligocagociweyo,+Umbilini wakhe ngamnye, kwanentliziyo yakhe, inzulu.+   Kodwa uThixo uya kubatola ngotolo ngequbuliso.+Umphumo kubo ube ngamanxeba,+   Yaye babangela ubani akhubeke.+Kodwa ulwimi lwabo lunxamnye neziqu zabo.+Bonke abo babakhangelayo baya kunikina iintloko,+   Yaye bonke abantu basemhlabeni baya koyika;+Ibe baya kuxela umsebenzi kaThixo,+Kwaye ngokuqinisekileyo baya kuyiqonda imisebenzi yakhe.+ 10  Amalungisa aya kuba nemihlali ngoYehova aze ngokwenene asabele kuye;+Yaye bonke abathe tye entliziyweni baya kuqhayisa.+

Umbhalo osemazantsi