I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 63:1-11

Uncuthu lwengoma kaDavide, xa wayekwintlango yakwaYuda.+ 63  Owu Thixo, unguThixo wam, ndihlala ndikufuna.+ Umphefumlo wam uyakunxanelwa.+ Inyama yam ityhafile kukulangazelela wena Emhlabeni owomileyo nobharhileyo, ekungekho manzi kuwo.+   Ngaloo ndlela ndikubonile endaweni engcwele,+ Ekuboneni amandla akho nozuko lwakho.+   Ngenxa yokuba ububele bakho bothando bulunge ngakumbi kunobomi,+ Imilebe yam iya kukuncoma.+   Ngaloo ndlela ndiya kukubonga ebudeni bexesha lokudla kwam ubomi;+ Igama lakho ndiya kuliphakamisela iintende zam.+   Njengoko umphefumlo wam usaneliswa yeyona nxalenye ilungileyo, kwanakukutyeba,+ Nangemilebe ephuma intswahla yemivuyo umlomo wam unikela indumiso.+   Xa ndikukhumbule esingqengqelweni sam,+ Ebudeni bemilindo yasebusuku ndicamngca ngawe.+   Kuba ungqineke uluncedo kum,+ Yaye emthunzini wamaphiko akho ndimemelela ngovuyo.+   Umphefumlo wam ukulandele ngokusondeleyo;+ Isandla sakho sasekunene sihlala sindibambe nkqi.+   Abo ke bahlala befuna ukonakalisa umphefumlo wam,+ Baya kufika kwezona ndawo zisezantsi zomhlaba.+ 10  Baya kunikelwa emandleni ekrele;+ Baya kuba sisahlulo seempungutye.+ 11  Ukumkani uya kuba nemihlali ngoThixo.+ Wonke ubani ofunga ngaye uya kuqhayisa,+ Kuba umlomo wabo bathetha ubuxoki uya kuvingcwa.+

Umbhalo osemazantsi