I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 62:1-12

Kumalathisi weYedutun. Uncuthu lwengoma kaDavide. 62  Eneneni umphefumlo wam ulindele kuThixo uthule.+ Luvela kuye usindiso lwam.+   Eneneni uliliwa lam nosindiso lwam, indawo yam ephakamileyo enqabisekileyo;+ Andiyi kushukunyiswa kakhulu.+   Kuya kude kube nini na nisukela indulumbane umntu eningayi kumbulala?+ Nonke ninjengodonga oluthambekileyo, udonga lwamatye oludilikayo.+   Eneneni banikela icebiso ukuze bamlukuhle ubani kwisidima sakhe;+ Bakholiswa bubuxoki.+ Bayasikelela ngomlomo wabo, kodwa ngaphakathi kubo bayaqalekisa.+ Se′lah.   Eneneni lindela kuThixo uthe cwaka, mphefumlo wam,+ Kuba livela kuye ithemba lam.+   Eneneni uliliwa lam nosindiso lwam, indawo yam ephakamileyo enqabisekileyo;+ Andiyi kushukunyiswa.+   Usindiso lwam nozuko lwam lukuThixo.+ Iliwa lam elomeleleyo, indawo yam yokusabela ikuThixo.+   Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu.+ Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe.+ UThixo uyindawo yethu yokusabela.+ Se′lah.   Eneneni oonyana babantu basemhlabeni bangumphunga,+ Oonyana babantu babubuxoki.+ Xa bebekwe ezikalini bebonke bakhaphukhaphu kunomphunga.+ 10  Musa ukukholosa ngenkqatho,+ Yaye ungabi lilize ngokuphanga kodwa.+ Ukuba kunokwenzeka ubuncwane buchume, musa ukubeka intliziyo yakho kubo.+ 11  UThixo uthethile kwaba kanye, oku ndikuve kwaba kabini,+ Ukuba amandla ngakaThixo.+ 12  Kwanobubele bothando bobakho, Yehova,+ Kuba wena ubuyisela ngamnye ngokomsebenzi wakhe.+

Umbhalo osemazantsi