I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 61:1-8

Kumalathisi wemirhubhe. EkaDavide. 61  Owu Thixo, sive isikhalo sam sokubongoza.+ Nikela ingqalelo kumthandazo wam.+   Ndiya kukhala ndisesiphelweni somhlaba, kuwe, xa intliziyo yamisiba buthathaka.+ Ngamana ungandikhokelela eliweni eliphakame ngakumbi kunam.+   Kuba ungqineke uyindawo yokusabela kum,+ Inqaba eyomeleleyo phambi kotshaba.+   Ndiya kuba lundwendwe ententeni yakho ukusa kumaxesha angenammiselo;+ Ndiya kusabela kwindawo efihlakeleyo yamaphiko akho.+ Se′lah.   Kuba wena, Thixo, uziphulaphule izibhambathiso zam.+ Undinike njengelifa abo baloyikayo igama lakho.+   Uya kumongezela iintsuku ukumkani;+ Iminyaka yakhe iya kuba njengesizukulwana emva kwesizukulwana.+   Uya kuhlala phambi koThixo ukusa kwixesha elingenammiselo;+ Owu mthumelele ububele bothando nenyaniso, ukuze zimlondoloze.+   Ngoko ndiya kuliculela uncuthu lwengoma igama lakho ngonaphakade,+ Ukuze ndizifezekise izibhambathiso zam imihla ngemihla.+

Umbhalo osemazantsi