I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 60:1-12

Kumalathisi okwiNyibiba yeSikhumbuzo. IMiktam. EkaDavide. Eyokufundisa.+ Xa wayesukuzana noAram-naharayim noAram-Tsobha, waza uYowabhi wabuya waza waxabela uEdom kwiNtlambo yeTyuwa, ishumi elinesibini lamawaka.+ 60  Owu Thixo, usilahlile, usityhobozile,+ Unomsindo. Ufanele usibuyise.+   Uwubangele wanyikima umhlaba, uwucandile.+ Philisa iintanda zawo, kuba ushukumile.+   Ubangele abantu bakho babona ubunzima.+ Usiselise iwayini esihexisayo.+   Ubanike umqondiso abo bakoyikayo+ Ukuba basabe ngokugosogoso ngenxa yesaphetha. Se′lah.   Ukuze bahlangulwe abathandekayo bakho,+ Sisindise ngesandla sakho sasekunene uze usiphendule.+   UThixo uthethile ebungcweleni bakhe wathi:+ “Ndiza kugcoba, ndinikele ngeShekem njengesahlulo;+ Nentili yaseSukoti ndiya kuyilinganisa.+   UGiliyadi ngowam noManase ngowam,+ UEfrayim uyinqaba yalowo uyintloko kum; UYuda ngumsimelelo womyaleli wam.+   UMowabhi yimbiza yam yokuhlambela.+ Ndiya kuyiphosa phezu koEdom imbadada yam.+ Naphezu kwelamaFilisti ndiya kuduma ngoloyiso.”+   Ngubani na oya kundizisa kwisixeko esingqingiweyo?+ Ngubani na oya kundikhokelela kwaEdom ngokuqinisekileyo?+ 10  Asinguwe na, Thixo, osilahlileyo+ Nongahambiyo nemikhosi yethu njengoThixo?+ 11  Sinike uncedo ekubandezelekeni,+ Ekubeni usindiso lomntu wasemhlabeni lungento yanto.+ 12  KuThixo siya kuzuza amandla,+ Yaye yena uya kuzinyathela iintshaba zethu.+

Umbhalo osemazantsi