I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 6:1-10

Kumalathisi wemirhubhe yenowuthi ephantsi.+ Uncuthu lwengoma kaDavide. 6  Owu Yehova, ungandohlwayi usemsindweni,+ Ungandilungisi ucaphukile.+   Ndibabale, Yehova, kuba ndiyaphelelwa.+ Ndiphilise,+ Yehova, kuba amathambo am aphazamisekile.   Ewe, umphefumlo wam uphazamiseke kakhulu;+ Yaye wena, Yehova—kuya kude kube nini na?+   Buya, Yehova,+ uwuhlangule umphefumlo wam;+ Ndisindise ngenxa yobubele bakho obunothando.+   Kuba ekufeni akukhankanywa;+ EShiyol ngubani na oya kukubonga?+   Ndityhafile kukuncwina kwam;+ Ubusuku bonke ndiyasidadisa isingqengqelo sam;+ Umandlalo wam ndiwenza uphuphume iinyembezi zam.+   Iliso lam libuthathaka ngenxa yengqumbo,+ Laluphele ngenxa yabo bonke abo babonakalisa ubutshaba kum.+   Mkani kum, nonke nina baqhelisela okwenzakalisayo,+ Kuba ngokuqinisekileyo uYehova uya kusiva isandi sokulila kwam.+   UYehova uya kusiva ngokwenene isicelo sam sobabalo;+ UYehova uya kuwamkela umthandazo wam.+ 10  Zonke iintshaba zam ziya kuba neentloni+ kakhulu zize ziphazamiseke; Ziya kujika, ziya kuba neentloni ngephanyazo.+

Umbhalo osemazantsi