I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 59:1-17

Kumalathisi. “Musa ukonakalisa.” EkaDavide. IMiktam. Xa uSawule wathumelayo, baza baqhubeka beyilindile indlu, ukuze bambulale.+ 59  Ndihlangule kwiintshaba zam, Thixo wam;+ Kwabo bandivukelayo ngamana ungandikhusela.+   Ndihlangule kwabo baqhelisela okwenzakalisayo,+ Nakumadoda anetyala legazi ndisindise.   Kuba, khangela! Balalele umphefumlo wam;+ Abo bomeleleyo bayandihlasela,+ Ndingavukelanga, yaye ndingonanga, Yehova.+   Nangona kungekho siphoso, bayabaleka bazilungise.+ Vuka ndakukubiza ubone.+   Wena Yehova Thixo wemikhosi, unguThixo kaSirayeli.+ Vuka ukuze uphethulele ingqalelo yakho kuzo zonke iintlanga.+ Musa ukubababala nabaphi na abangcatshi abenzakalisayo.+ Se′lah.   Bayaqhubeka bebuya ngokuhlwa;+ Baqhubeka bekhonkotha njengenja+ baze bajikeleze isixeko.+   Khangela! Bayampompoza ngomlomo wabo;+ Emilebeni yabo kukho amakrele,+ Kuba ngubani na ophulaphuleyo?+   Kodwa wena, Yehova, uya kubahleka;+ Uya kuzigculela zonke iintlanga.+   Owu Mandla am, ndiya kulinda kuwe;+ Kuba uThixo yindawo yam ephakamileyo enqabisekileyo.+ 10  UTHIXO wobubele bothando kum uya kundikhawulela;+ UThixo uya kundibangela ndikhangele iintshaba zam.+ 11  Musa ukubabulala, ukuze abantu bam bangalibali.+ Ngamandla akho benze babhadule,+ Ubahlise, khaka lethu Yehova,+ 12  Ngenxa yesono somlomo wabo, ilizwi lemilebe yabo;+ Yaye ngamana bangabanjiswa likratshi labo,+ Nangenxa yokuqhelisela kwabo ukuqalekisa nenkohliso. 13  Baphelise ngomsindo;+ Baphelise, ukuze bangabikho; Yaye ngamana bangazi ukuba uThixo ulawula kwaYakobi ukusa eziphelweni zomhlaba.+ Se′lah. 14  Baze babuye ngokuhlwa; Bakhonkothe njengenja bajikekeleze isixeko.+ 15  Bona kanye abo mababhadule befuna into yokudla;+ Mabanganeliswa okanye balalise.+ 16  Kodwa mna, ndiya kuvuma ngamandla akho,+ Ndize kusasa ndibuxele ngovuyo ububele bakho bothando.+ Kuba ungqineke uyindawo ephakamileyo enqabisekileyo kum+ Nendawo yokusabela ngexesha lokubandezeleka kwam.+ 17  Owu Mandla am, ndiya kukuculela uncuthu lwengoma,+ Kuba uThixo uyindawo yam ephakamileyo enqabisekileyo, uTHIXO wobubele bothando kum.+

Umbhalo osemazantsi