Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 58:1-11

Kumalathisi. “Musa ukonakalisa.” EkaDavide. IMiktam. 58  Ngoxa nithule ngaba ngokwenene ningathetha ngobulungisa?+Ngaba ningagweba ngokutye tye, nina bonyana babantu?+   Kunoko, hayi indlela eniqhelisela ngayo intswela-bulungisa ngentliziyo emhlabeni,+Nilungiselele ugonyamelo lwezandla zenu indlela!+   Abangendawo bebegqwetheke kwasesibelekweni;+Babhadu-bhadule ukususela esiswini ukusa phambili;Bathetha ubuxoki.+   Ubuhlungu babo bunjengobuhlungu benyoka,+Zizithulu njengephimpi eliyivingcayo indlebe yalo,+   Elingayi kuliphulaphula ilizwi labo balithibazayo,+Nangona ubani osisilumko eyibopha ngoomabophe.+   Owu Thixo, wakhuphe amazinyo abo emilonyeni yabo.+Yaphula amathambo emihlathi yeengonyama ezintsha ezinesingci, Yehova.   Ngamana bangachithakala njengasemanzini ahamba indlela yawo;+Ngamana angasigoba isaphetha seentolo zakhe njengoko besithi folokohlo.+   Uhamba njengenkumba enyibilikayo;Njengemfambilini yomfazi ngokuqinisekileyo abayi kulibona ilanga.+   Ngaphambi kokuba iimbiza zenu zizive iintsasa zokuphemba zesiqunube,+Esiluhlaza kwanesitshayo, uya kubathabatha njengomoya oluqhwithela.+ 10  Olilungisa uya kuba nemihlali ngenxa yokuba uyibonile impindezelo.+Amanyathelo akhe uya kuwahlamba egazini longendawo.+ 11  Yaye uluntu luya kuthi:+ “Ngokuqinisekileyo uneziqhamo lowo ulilungisa.+Ngokuqinisekileyo kukho uThixo ogwebayo emhlabeni.”+

Umbhalo osemazantsi