I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 57:1-11

Kumalathisi. “Musa ukonakalisa.” EkaDavide. IMiktam. Xa wabalekela emqolombeni, ngenxa kaSawule.+ 57  Ndibabale, Thixo, ndibabale,+ Kuba usabele kuwe umphefumlo wam;+ Yaye ndisabela esithunzini samaphiko akho lide lidlule ishwangusha.+   Ndibiza uThixo ongOyena Uphakamileyo, uTHIXO oyinyaniso obaphelisayo ngenxa yam.+   Uya kuthumela esezulwini andisindise.+ Ngokuqinisekileyo uya kumdida lowo undingqavulayo.+ Se′lah. UThixo uya kuthumela ububele bakhe bothando nenyaniso yakhe.+   Umphefumlo wam uphakathi kweengonyama;+ Andinakulala phakathi kwabaqwengayo, kwanoonyana babantu, Abamazinyo ayimikhonto neentolo,+ Nabalulwimi lulikrele elibukhali.+   Owu Thixo, phakanyiswa ngaphezu kwamazulu;+ Uzuko lwakho malube ngaphezu komhlaba wonke.+   Bawalungiselele umnatha amanyathelo am;+ Umphefumlo wam uthotyiwe.+ Bembe umgibe phambi kwam; Bawela phakathi kuwo.+ Se′lah.   Intliziyo yam iqinile, Thixo,+ Intliziyo yam iqinile. Ndiza kuvuma ndicule uncuthu lwengoma.+   Vuka, luzuko lwam;+ Vuka, mrhubhe; nawe, luhadi.+ Ndiza kusivusa isifingo.   Ndiya kukubonga phakathi kwezizwana, Yehova;+ Ndiya kukuculela uncuthu lwengoma phakathi kwamaqela eentlanga.+ 10  Kuba ububele bakho bothando bukhulu ukusa emazulwini,+ Nenyaniso yakho ifikelela esibhakabhakeni.+ 11  Phakanyiswa ngaphezu kwamazulu, Thixo;+ Uzuko lwakho malube ngaphezu komhlaba wonke.

Umbhalo osemazantsi