I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 56:1-13

Kumalathisi weHobe Elithe Cwaka phakathi kwabo bakude. EkaDavide. IMiktam. Xa wayebanjwe ngamaFilisti eGati.+ 56  Ndibabale, Thixo, ngenxa yokuba umntu ofayo undingqavule.+ Esilwa imini yonke, uqhubeka endicinezela.+   Iintshaba zam ziqhubeka zindingqavula imini yonke,+ Kuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.+   Nokuba ndoyika ngaluphi na usuku, mna ndiya kukholosa ngawe.+   Ndikunye noThixo ndiya kulidumisa ilizwi lakhe.+ Ndikholose ngoThixo; andiyi koyika.+ Inokundenza ntoni na inyama?+   Imini yonke baqhubeka bephazamisa imicimbi yam yobuqu; Zonke iingcinga zabo zibububi nxamnye nam.+   Bayahlasela, bayazifihla,+ Bona baqhubeka bejonge amanyathelo am,+ Ngoxa belindele umphefumlo wam.+   Bakhahlele ngenxa yokwenzakalisa kwabo.+ Ngomsindo  zihlise izizwana, Thixo.+   Ukubhaca kwam wena ukuxelile.+ Iinyembezi zam zifake kwintsuba yakho.+ Ngaba azikho encwadini yakho?+   Ngelo xesha iintshaba zam ziya kubuya, ngosuku endibiza ngalo;+ Oku ndikwazi kakuhle, ukuba uThixo ungowam.+ 10  Ndikunye noThixo+ ndiya kulidumisa ilizwi lakhe; Ndikunye noYehova ndiya kulidumisa ilizwi lakhe.+ 11  Ndikholosa ngoThixo. Andiyi koyika.+ Unokundenza ntoni na umntu wasemhlabeni?+ 12  Owu Thixo, ziphezu kwam izibhambathiso zakho.+ Ndiya kwenza umbulelo kuwe.+ 13  Kuba uwuhlangule umphefumlo wam ekufeni+ Ngaba akuzihlangulanga iinyawo zam ekukhubekeni?+ Ukuze ndihambahambe phambi koThixo ekukhanyeni kwabo baphilayo.+

Umbhalo osemazantsi