I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 55:1-23

Kumalathisi wemirhubhe. IMaskili. EkaDavide. 55  Owu Thixo wubekele indlebe umthandazo wam;+ Ungazifihli kwisicelo sam sobabalo.+   Nikela ingqalelo kum undiphendule.+ Ndigungqagungqiswa kukuxhalaba kwam,+ Ekuphela kwento endinokuyenza kukubonisa ukuphazamiseka,   Ngenxa yelizwi lotshaba, ngenxa yengcinezelo yalowo ungendawo.+ Kuba baqhubeka bendiphosela okwenzakalisayo,+ Yaye ngomsindo bandifukamela inzondo.+   Intliziyo yam isezintlungwini ezigqithiseleyo kum,+ Nokothuka ngenxa yokufa kuphezu kwam.+   Ukoyika, ewe, ukungcangcazela kundingene,+ Nokutyhwatyhwa kundigubungele.   Yaye ndihlala ndisithi: “Owu akwaba bendinamaphiko njengehobe!+ Bendiya kuphaphazela ndimke ndize ndihlale.+   Khangela! bendiya kusaba ndiye kude;+ Bendiya kuhlala entlango.+Se′lah   Bendiya kungxama ukuya kwindawo yam yokubalekela Ndiwubaleke umoya obhudlayo, nesivuthuvuthu.”+   Badide, Yehova, yahlula ulwimi lwabo,+ Kuba ndibone ugonyamelo nokuphikisana esixekweni.+ 10  Imini nobusuku bayasijikeleza ezindongeni zaso;+ Nokwenzakalisayo nenkathazo zikuso.+ 11  Ishwangusha likuso; Kwaye ingcinezelo nenkohliso azimki endaweni yaso yembutho.+ 12  Kuba asilotshaba olundingcikivayo;+ Ngapha koko bendinokukunyamezela. Yayingenguye ondithiye kakhulu owazigwagwisa nxamnye nam;+ Ngapha koko bendinokuzifihla kuye.+ 13  Kodwa yayinguwe, umntu ofayo umlingane owayelingana nam,+ Lowo wazana nam nendimqhelileyo,+ 14  Ngenxa yokuba besiqhele ukunandipha okumnandi ngokusondeleleneyo ndawonye;+ Siye endlwini kaThixo sihamba singumndilili.+ 15  Isiphanziso masibe phezu kwabo!+ Mabehlele eShiyol bephila;+ Kuba ebudeni bokuba ngabaphambukeli kwabo izinto ezimbi zazingaphakathi kubo.+ 16  Mna ke, ndiya kumemeza kuThixo;+ Yaye uYehova uya kundisindisa.+ 17  Ngokuhlwa nakusasa nasemini enkulu ndibonakalisa ukuxhalaba yaye ndiyadumzela,+ Ibe uyaliva ilizwi lam.+ 18  Ngokuqinisekileyo uya kundikhulula ekulweni nxamnye nam aze abeke umphefumlo wam eluxolweni,+ Kuba bayinkitha abanxamnye nam.+ 19  UThixo uya kubeva aze abaphendule,+ Yena kanye Lowo ohleli ebekwe etroneni njengakwixesha elidlulileyo+Se′lah Abo kungekho kutshintsha kubo+ Nabangamoyikanga uThixo.+ 20  Wolule izandla zakhe nxamnye nabo baseluxolweni naye;+ Uwuhlambele umnqophiso wakhe.+ 21  Agude ngakumbi kunebhotolo amazwi omlomo wakhe,+ Kodwa intliziyo yakhe ityekele ekulweni.+ Amazwi akhe athambe ngakumbi kuneoli,+ Kodwa angamakrele arholiweyo.+ 22  Umthwalo wakho wulahlele kuYehova,+ Yaye yena wokuxhasa.+ Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.+ 23  Kodwa wena ke, Thixo, uya kubehlisela kowona mhadi usezantsi.+ Ke abantu abanetyala legazi nabanenkohliso, abayi kuphila nesiqingatha semihla yabo.+ Mna ke, ndiya kukholosa ngawe.+

Umbhalo osemazantsi