I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 54:1-7

Kumalathisi wemirhubhe. IMaskili. EkaDavide. Xa amaZifi afikayo aza athi kuSawule: “Ngaba uDavide akazifihlanga kuthi?”+ 54  Owu Thixo, ndisindise ngegama lakho,+ Uze uligwebe ngamandla akho ityala lam.+   Owu Thixo, wuve umthandazo wam;+ Wabekele indlebe amazwi omlomo wam.+   Kuba kukho abasemzini abandivukeleyo, Noozwilakhe abafuna umphefumlo wam.+ Abambekanga phambi kwabo uThixo.+ Se′lah.   Khangela! UThixo ngumncedi wam;+ UYehova uphakathi kwabo baxhasa umphefumlo wam.   Uya kuzibuyekeza ngobubi iintshaba zam;+ Ngokunyanisa kwakho zithulise.+   Ndiya kubingelela kuwe ngokuzithandela.+ Ndiya kulibonga igama lakho, Yehova, ngokuba lilungile.+   Kuba kuko konke ukubandezeleka wandihlangula,+ Yaye iliso lam likhangele iintshaba zam.+

Umbhalo osemazantsi