Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 53:1-6

Kumalathisi weMahalati.+ IMaskili. EkaDavide. 53  Lowo ungenangqiqo uthe entliziyweni yakhe:“Akakho uYehova.”+ Benze ngokonakala yaye benze ngokucekisekayo ngentswela-bulungisa;+Akukho namnye owenza okulungileyo.+   Ke yena uThixo, ukhangele phantsi koonyana babantu esezulwini,+Ukuze abone enoba kukho nabani na onengqiqo, nabani na ofuna uYehova.+   Bonke babuyele emva, bonke bonakele ngokufanayo;+Akukho namnye owenza okulungileyo,+Nokuba abe mnye.   Ngaba akukho namnye kwabo baqhelisela okwenzakalisayo onolwazi,+Badla abantu bam njengoko besidla isonka?+Abambizanga noYehova.+   Apho bazaliswa lunkwantyo olukhulu,+Apho kwakungqineke kungekho kunkwantya;+Kuba uThixo uya kuwachithachitha ngokuqinisekileyo amathambo akhe nabani na omisa inkampu nxamnye nawe.+Uya kubahlazisa ngokuqinisekileyo, kuba uYehova ubagatyile.+   Owu akwaba usindiso oluzukileyo lukaSirayeli beluseZiyon!+Ekubuyiseni kukaYehova abantu bakhe abathinjiweyo.+Makavuye uYakobi, abe nemihlali uSirayeli.+

Umbhalo osemazantsi