Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 52:1-9

Kumalathisi. IMaskili. EkaDavide, xa uDowegi umEdom wezayo waza waxelela uSawule wathi kuye uDavide ungene endlwini ka-Ahimeleki.+ 52  Kutheni uqhayisa ngento embi, wena unamandla?+Ububele bothando bukaThixo bukho imini yonke.+   Ulwimi lwakho luceba intlekele, lulolwe njengencakuba,+Lusebenza inkohliso.+   Okubi ukuthande ngaphezu kokulungileyo,+Ubuxoki ngaphezu kokuthetha ubulungisa.+ Seʹlah.   Uwathande onke amazwi aqwengayo,+Owu lulwimi lunenkohliso.+   UThixo uya kukudilizela phantsi ngonaphakade;+Uya kukungqula phantsi aze akuncothule ententeni yakho,+Yaye ngokuqinisekileyo uya kukuncothula elizweni labaphilayo.+ Seʹlah.   Yaye abangamalungisa baya kukubona boyike,+Yaye baya kumhleka.+   Nantsi indoda eyomeleleyo engamenzi inqaba yayo uThixo,+Kodwa ekholosa ngobuninzi bobutyebi bayo,+Ezikhuselayo kwiinkxwaleko ezibangelwe yiyo.+   Kodwa ndiya kuba njengomthi womnquma onabileyo endlwini kaThixo;+Ndikholosa ngobubele bothando bukaThixo ukusa kwixesha elingenammiselo, ngonaphakade.+   Ndiya kukubonga ukusa kwixesha elingenammiselo, kuba uthabathe isenzo;+Yaye ndiya kuthembela ngegama lakho, ngenxa yokuba lilungile, phambi kwabanyanisekileyo bakho.+

Umbhalo osemazantsi