Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 50:1-23

Uncuthu lwengoma ka-Asafu.+ 50  Lowo Ungokobuthixo,+ uThixo, uYehova,+ uthethile,+Yaye ubiza umhlaba,+Kususela ekuphumeni kwelanga de litshone.+   EseZiyon, ubuhle obugqibeleleyo,+ uThixo uqaqambile.+   UThixo wethu uya kuza yaye akanakuthi cwaka.+Phambi kwakhe umlilo uyaqwenga,+Yaye ujikelezwe sisaqhwithi esigqithiseleyo.+   Ubiza emazulwini phezulu nasemhlabeni+Ukuze aphumeze umgwebo kubantu bakhe:+   “Hlanganisela kum abanyanisekileyo bam,+Abo benza umnqophiso wam ngombingelelo.”+   Yaye amazulu axela ubulungisa bakhe,+Kuba uThixo nguMgwebi.+ Seʹlah.   “Phulaphulani, bantu bam, ndiya kuthetha,+Owu Sirayeli, ndiya kunikela ubungqina nxamnye nawe.+NdinguThixo, uThixo wakho.+   Andikohlwayi ngokuphathelele imibingelelo yakho,+Nangokuphathelele iminikelo yakho etshiswa kuphele ephambi kwam ngamaxesha onke.+   Andiyi kukhupha inkunzi yenkomo endlwini yakho,+Nasebuhlanti bakho iinkunzi zeebhokhwe. 10  Kuba zezam zonke izilwanyana zasendle ezisehlathini,+Amarhamncwa asezintabeni eziliwaka.+ 11  Ndizazi kakuhle zonke izidalwa ezinamaphiko ezisezintabeni,+Nezilwanyana ezininzi ezisendle zikum.+ 12  Ukuba bendilambile, bendingayi kuxelela wena;Kuba ngowam umhlaba+ onemveliso nokuzala kwawo.+ 13  Ngaba ndiya kudla inyama yeenkunzi zeenkomo ezinamandla,+Negazi leenkunzi zeebhokhwe ngaba ndiya kulisela?+ 14  Nikelani imibulelo njengedini lenu kuThixo,+Nize nizifezekise kOyena Uphakamileyo izibhambathiso zenu;+ 15  Nindibize ngemini yokubandezeleka.+Ndiya kunihlangula, yaye niya kundizukisa.”+ 16  Kodwa kulowo ungendawo uThixo kuya kufuneka athi:+“Liliphi na ilungelo onalo lokubhengeza imimiselo yam,+Nokuba uthwale umnqophiso wam emlonyeni wakho?+ 17  Kaloku, wena—uluthiyile uqeqesho,+Namazwi am uqhubeka uwaphosela emva kwakho.+ 18  Xa sukuba ubona isela, ubukholiswa lilo;+Yaye usabelana nabakrexezi.+ 19  Umlomo wakho uwuyekele kokubi,+Nolwimi lwakho ulugcina lunamathele kwinkohliso.+ 20  Uyahlala uthethe kakubi ngomzalwana wakho,+Nesiphoso sonyana kanyoko uyasidiza.+ 21  Ezi zinto uzenzile, ndaza ndathi cwaka.+Ubucinga ukuba ndiya kuba njengawe ngokuqinisekileyo.+Ndiza kukohlwaya,+ yaye izinto ndiya kuzimisa ngolungelelwano phambi kwamehlo akho.+ 22  Khanincede, niqonde oku nina bamlibalayo uThixo,+Hleze ndiniqwenge kungabikho unihlangulayo.+ 23  Lowo unikela umbulelo njengombingelelo wakhe nguye ondizukisayo;+Ke yena lowo ogcina indlela emiselweyo,Ndiya kumbangela alubone usindiso lukaThixo.”+

Umbhalo osemazantsi