Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 5:1-12

Kumalathisi weNehiloti. Uncuthu lwengoma kaDavide. 5  Wabekele indlebe amazwi am,+ Yehova;Kuqonde ukuncwina kwam.   Nikela ingqalelo kwisandi sokukhalela kwam uncedo,+Kumkani wam+ noThixo wam, ngenxa yokuba ndithandaza kuwe.+   Owu Yehova, kusasa uya kuliva ilizwi lam;+Kusasa ndiya kubhekisa kuwe ndize ndilinde.+   Kuba akungoThixo oyoliswayo bubungendawo;+Akukho namnye onobubi onokuhlala nexeshana nawe.+   Akukho mqhayisi unokuma phambi kwamehlo akho.+Ubathiyile bonke abo baqhelisela okwenzakalisayo;+   Uya kubatshabalalisa abo bathetha ubuxoki.+Umntu ophalaza igazi+ nonenkohliso+ uYehova uyamcekisa.   Ke mna, ngobubele bakho obunothando obuninzi+Ndiya kungena endlwini yakho,+Ndiya kuqubuda etempileni yakho engcwele ngenxa yokoyika wena.+   Owu Yehova, ndikhokele ngobulungisa bakho+ ngenxa yeentshaba zam;+Yenze igude indlela yakho phambi kwam.+   Kuba emlonyeni wabo akukho nto kunokukholoswa ngayo;+Umbilini wabo yinkxwaleko ngokwenene.+Umqala wabo yindawo yokungcwaba evulekileyo;+Basebenzisa ulwimi olugudileyo.+ 10  UThixo uya kubagqala njengabanetyala ngokuqinisekileyo;+Baya kuwa ngenxa yecebo labo.+Ngobuninzi bokunxaxha kwabo mabasasazwe,+Ngenxa yokuba bakuvukele.+ 11  Kodwa bonke abo basabela kuwe baya kuba nemihlali;+Baya kumemelela ngovuyo kuse kwixesha elingenammiselo.+Uya kuyithintela indlela esondela kubo,Yaye abo bathanda igama lakho baya kugcoba ngawe.+ 12  Kuba uya kumsikelela nabani na olilungisa,+ Yehova;Ngokungathi kungekhaka elikhulu,+ uya kubangqonga ngenkoliseko.+

Umbhalo osemazantsi