I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 49:1-20

Kumalathisi. Eyoonyana bakaKora.+ Uncuthu lwengoma. 49  Yivani oku, nonke zizwana. Bekani indlebe, nonke bemi bale nkqubo yezinto,+   Nina bonyana boluntu nani bonyana babantu, Nina bazizityebi nani bangamahlwempu ndawonye.+   Umlomo wam uya kuthetha izinto zobulumko,+ Nokucamngca kwentliziyo yam kuya kuba kokwezinto zokuqonda.+   Indlebe yam ndiya kuyithobela kwilizwi elingumzekeliso;+ Iqhina lam ndiya kulivula ngohadi.+   Kutheni ndifanele ndoyike ngemihla yobubi,+ Xa ndingqongwe sisiphoso sabo bathabatha indawo yam?+   Abo bakholose ngobuncwane babo,+ Nabaqhubeka beqhayisa ngobuninzi bobutyebi babo,+   Akukho namnye kubo onokumkhulula nangayiphi na indlela umzalwana wakhe,+ Okanye anike uThixo intlawulelo ngaye;   (Yaye ixabiso lokubakhulula lixabisekile+ Kangangokuba liphele ukusa kwixesha elingenammiselo)   Ukuba ufanele aphile ngonaphakade angawuboni umhadi.+ 10  Kuba uyabona ukuba kwanosisilumko uyafa,+ Kunye nosisiyatha nalowo ungaqiqiyo uyatshabalala,+ Yaye bafanele babushiye kwabanye ubuncwane babo.+ 11  Umnqweno wabo ngaphakathi kukuba izindlu zabo zingama kuse kwixesha elingenammiselo,+ Iminquba yabo kwisizukulwana ukusa kwisizukulwana.+ Imihlaba yabo bayibiza ngamagama abo.+ 12  Sekunjalo umntu wasemhlabeni, nangona ebekwa, akanakuhlala;+ Eneneni ufana namarhamncwa atshatyalalisiweyo.+ 13  Le yindlela yabo baziziyatha,+ Nabo baza emva kwabo abakholiswa yintetho yomlomo wabo. Se′lah. 14  Njengezimvu bamiselwe iShiyol;+ Ukufa kuya kubalusa;+ Yaye abathe tye baya kuba nobukhosi kubo kwakusasa,+ Nobume babo bumele bonakale;+ Ngamnye kubo uya kuya eShiyol kunakwindawo yokuhlala ephakamileyo.+ 15  Noko ke, uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni seShiyol,+ Kuba uya kundamkela. Se′lah. 16  Musa ukoyika ngenxa yokuba umntu othile ezuza ubutyebi,+ Ngenxa yokuba uzuko lwendlu yakhe lusanda,+ 17  Kuba xa esifa akanakuthabatha nantoni na;+ Uzuko lwakhe aluyi kuhla naye.+ 18  Kuba ebudeni bokudla kwakhe ubomi waqhubeka ewusikelela umphefumlo wakhe;+ (Yaye abantu baya kukubonga ngenxa yokuba uzenzela okuhle)+ 19  Ekugqibeleni umphefumlo wakhe ufikelela kwisizukulwana sookhokho bakhe.+ Abasayi kuphinda bakubone ukukhanya.+ 20  Umntu wasemhlabeni, nangona ebekwa, akanakuqonda,+ Ngokwenene ufana namarhamncwa atshatyalalisiweyo.+

Umbhalo osemazantsi