I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 48:1-14

Ingoma. Uncuthu lwengoma yoonyana bakaKora.+ 48  UYehova mkhulu yaye ngowokudunyiswa kakhulu+ Kwisixeko soThixo wethu,+ entabeni yakhe engcwele.+   Intle ukuphakama kwayo, ugcoba ngayo wonke umhlaba,+ INtaba yeZiyon kumacala athe qelele asentla,+ Idolophu yoKumkani Ozukileyo.+   Kwiinqaba zayo zokuhlala uThixo waziwa njengendawo ephakamileyo enqabisekileyo.+   Kuba, khangela! ookumkani bahlanganisene ngedinga,+ Badlule kunye.+   Babonile; baza bathi manga. Baphazamiseka, babaleka ngokuphakuzela.+   Bafikelwe kukungcangcazela,+ Inimba efana naleyo yomfazi ozalayo.+   Iinqanawa zaseTarshishe uzaphula ngomoya wasempuma.+   Kanye njengokuba sivile, sibonile+ Kwisixeko sikaYehova wemikhosi, kwisixeko soThixo wethu.+ UThixo uya kusimisela ngokuqinileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Se′lah.   Sibuphononongile, Thixo, ububele bakho bothando+ Phakathi etempileni yakho.+ 10  Injengegama lakho,+ Thixo, indumiso yakho Isa emideni yomhlaba. Isandla sakho sasekunene sizaliswe bubulungisa.+ 11  Ngamana ingaba nemihlali iNtaba yeZiyon,+ Ngamana iidolophu eziphantsi kwayo zakwaYuda zingavuya,+ ngenxa yezigwebo zakho.+ 12  Jikelezani iZiyon, nihambahambe ngakuyo,+ Balani iinqaba zayo.+ 13  Bekani iintliziyo zenu kwimisele yongqameko lwayo.+ Velelani iinqaba zayo zokuhlala, Ukuze nibalise ngazo kwizizukulwana ezizayo.+ 14  Kuba lo Thixo nguThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, nangonaphakade.+ Yena uya kusikhokela de sife.+

Umbhalo osemazantsi