Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 47:1-9

Kumalathisi. Eyoonyana bakaKora. Uncuthu lwengoma. 47  Qhwabani izandla, nonke zizwana.+ Dumani ngoloyiso kuThixo ngesandi sentswahla yovuyo.+   Kuba uYehova, ongOyena Uphakamileyo, uyoyikeka,+ UKumkani omkhulu emhlabeni wonke.+   Uya kuzithobela ngaphantsi kwethu izizwana+ Namaqela eentlanga ngaphantsi kweenyawo zethu.+   Uya kusinyulela ilifa lethu,+ Iqhayiya likaYakobi, amthandileyo.+ Seʹlah.   UThixo unyukile ngemikhwazo yovuyo,+ UYehova ngesandi sesigodlo.+   Mculeleni uncuthu lwengoma uThixo, mculeleni uncuthu lwengoma.+ Mculeleni uncuthu lwengoma uKumkani wethu, mculeleni uncuthu lwengoma.   Kuba uThixo nguKumkani womhlaba wonke;+ Mculeleni uncuthu lwengoma, nenze ngengqiqo.+   UThixo ngukumkani phezu kweentlanga.+ UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele.+   Izidwangube zabantu zihlanganisene ndawonye,+ Kunye nabantu boTHIXO ka-Abraham.+ Kuba ngakaThixo amakhaka omhlaba.+ Uphakame kakhulu ekunyukeni kwakhe.+

Umbhalo osemazantsi