I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 46:1-11

Kumalathisi. Eyoonyana bakaKora+ eziNtombini. Ingoma. 46  UThixo uyindawo yokusabela namandla kuthi,+ Uncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.+   Kungenxa yoko le nto singayi koyika, nangona umhlaba utshintsha+ Nangona iintaba zidilikela esazulwini solwandle olukhulu;+   Nokuba amanzi alo angaxokozela, alephuze amagwebu,+ Nokuba iintaba ziyanyikima lusakuxokozela.+ Se′lah.   Kukho umlambo onemisinga eyenza isixeko sikaThixo sibe nemihlali,+ Owona mnquba uzukileyo ungcwele wOyena Uphakamileyo.+   UThixo uphakathi kweso sixeko;+ asiyi kushukunyiswa.+ UThixo uya kusinceda ekuthini qheke kokusa.+   Iintlanga ziyaxokozela,+ izikumkani ziyadilika; Wavakalisa ngelizwi lakhe, umhlaba wanyibilika.+   UYehova wemikhosi ukunye nathi;+ UTHIXO kaYakobi uyindawo ephakamileyo enqabisekileyo kuthi.+ Se′lah.   Yizani, nibone imisebenzi kaYehova,+ Indlela amise iziganeko ezikhwankqisayo ngayo emhlabeni.+   Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.+ Waphula isaphetha nomkhonto;+ Iinqwelo uzitshisa emlilweni.+ 10  “Yekani, nazi ukuba ndinguThixo.+ Ndiya kuphakanyiswa phakathi kweentlanga,+ Ndiya kuphakanyiswa emhlabeni.”+ 11  UYehova wemikhosi unathi;+ UTHIXO kaYakobi uyindawo ephakamileyo enqabisekileyo kuthi.+ Se′lah.

Umbhalo osemazantsi