I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 45:1-17

Kumalathisi oseziNyibibeni. Eyoonyana bakaKora. IMaskili. Ingoma yabafazi abaziintanda. 45  Intliziyo yam ivuselelekile ngumbandela olungileyo.+ Ndithi: “Imisebenzi yam iphathelele ukumkani.”+ Ngamana ulwimi lwam lungaba lusiba+ lomkhupheli olichule.+   Eneneni uyinzwana ngaphezu koonyana babantu.+ Emilebeni yakho kugalelwe umtsalane.+ Kungenxa yoko le nto uThixo ekusikelele ukusa kwixesha elingenammiselo.+   Bhinqa ikrele lakho+ ethangeni lakho, wena unamandla,+ Ngesidima nobungangamsha bakho.+   Ngobungangamsha bakho singa empumelelweni;+ Phalisa endleleni yenyaniso nentobeko nobulungisa,+ Yaye isandla sakho sasekunene siya kukuyalela izinto ezoyikekayo.+   Iintolo zakho zibukhali—izizwana ziyaqhubeka zisiwa ngaphantsi kwakho+ Entliziyweni yeentshaba zokumkani.+   UThixo uyitrone yakho ukusa kwixesha elingenammiselo, nangonaphakade;+ Intonga yobukhosi yobukumkani bakho yintonga yobukhosi yokuthe tye.+   Ubuthandile ubulungisa+ waza wabuthiya ubungendawo.+ Kungenxa yoko le nto uThixo, uThixo wakho,+ ekuthambise+ ngeoli yemigcobo+ ngaphezu kwamaqabane akho.+   Zonke izambatho zakho ziyimore nekhala nekasiya;+ Ebhotweni elizukileyo leempondo zendlovu+ imirhubhe ikwenze wanemihlali.   Phakathi kwabafazi bakho abaxabisekileyo kukho iintombi+ zookumkani. Iqabane elingukumkanikazi+ limi esandleni sakho sasekunene negolide yakwaOfire.+ 10  Phulaphula, ntombi, ubone, uze uyithobe indlebe yakho; Uze ubalibale abantu bakowenu nendlu kayihlo.+ 11  Yaye ukumkani uya kubulangazelela ubuhle bakho,+ Kuba uyinkosi yakho,+ Ngoko qubuda kuye.+ 12  Intombi yaseTire nayo inesipho+ Abazizityebi phakathi kwabantu baya kukubongoza.+ 13  Intombi yokumkani izukile yonke endlwini;+ Isinxibo sayo sinezakhelo zegolide. 14  Iya kuziswa kukumkani inezivatho ezilukiweyo.+ Iintombi ezinyulu eziyilandelayo njengamaqabane ayo ziziswa kuwe.+ 15  Ziya kuziswa ngemihlali nokuvuya; Ziya kungena ebhotweni lokumkani. 16  Esikhundleni sookhokho bakho+ iya kuba ngoonyana bakho,+ Oya kubamisela njengeenkosana emhlabeni wonke.+ 17  Ndiya kulikhankanya igama lakho kuzo zonke izizukulwana ezizayo.+ Kungenxa yoko le nto izizwana ziya kukubonga ukusa kwixesha elingenammiselo, nangonaphakade.

Umbhalo osemazantsi