I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 44:1-26

Kumalathisi. Eyoonyana bakaKora.+ IMaskili. 44  Owu Thixo, sivile ngeendlebe zethu, Ookhokho bethu basibalisele+ Umsebenzi owawenzayo ngemihla yabo,+ Ngemihla yakudala.+   Wena wazigxotha iintshaba ngesandla sakho,+ Waza esikhundleni soko wabatyala.+ Wawaphula amaqela eentlanga waza wawandulula.+   Kuba abazange balidle ilifa ilizwe ngenxa yekrele labo,+ Yaye babengasindiswanga yingalo yabo.+ Kuba kwakungesandla sakho sokunene nengalo yakho+ nokukhanya kobuso bakho, Kuba wakholiswa ngabo.+   Wena unguKumkani wam, Thixo.+ Yalela usindiso oluzukileyo kuYakobi.+   Ngawe siya kuzityhala iintshaba zethu;+ Egameni lakho siya kubanyathela abo basivukelayo.+   Kuba andizange ndiqhubeke ndikholose ngesaphetha sam+ Yaye asilokrele lam elalindisindisa.+   Kuba wasisindisa kwiintshaba zethu,+ Nabo basithiye kakhulu wabahlazisa.+   Siya kumdumisa uThixo imini yonke,+ Yaye ukusa kwixesha elingenammiselo siya kubonga igama lakho.+ Se′lah   Kodwa ngoku usilahlile yaye uqhubeka usithoba,+ Ibe akuphumi nemikhosi yethu.+ 10  Uqhubeka usenza sijike phambi kotshaba,+ Kanye abo basithiya kakhulu basiphangile.+ 11  Usiyekela njengezimvu, njengento edliwayo,+ Kwaye usisasazile phakathi kweentlanga.+ 12  Abantu bakho akubathengisi ngexabiso,+ Yaye akuzuzanga ndyebo ngexabiso labo. 13  Usimisa njengongcikivo kubamelwane bethu,+ Njengento yokugxekwa nokugculelwa kwabo basijikelezileyo.+ 14  Usimisa njengomzekelo phakathi kweentlanga,+ Abokuhlunguzelelwa intloko phakathi kwamaqela eentlanga.+ 15  Ukuthotywa kwam kuphambi kwam imini yonke, Nehlazo lobuso bam lindigubungele,+ 16  Ngenxa yelizwi lalowo ungcikivayo notshabhisayo, Ngenxa yotshaba nalowo uziphindezelelayo.+ 17  Konke oku koko kusifikeleyo, yaye asikulibalanga,+ Yaye asenzanga ngobuxoki kumnqophiso wakho.+ 18  Intliziyo yethu ayibuyanga umva ngokungabi nalukholo,+ Namanyathelo ethu akaphambuki emendweni wakho.+ 19  Kuba usityumzele endaweni yoodyakalashe,+ Yaye usigubungela ngethunzi elimnyama.+ 20  Ukuba sililibele igama loThixo wethu, Okanye sazolulela kuthixo wumbi izandla zethu,+ 21  Ngaba uThixo akayi kukufuna oku?+ Kuba uyaziqonda iimfihlelo zentliziyo.+ 22  Kodwa ngenxa yakho sibulewe imini yonke; Sigqalwe njengezimvu zokuxhelwa.+ 23  Zivuselele. Ulaleleni na Yehova?+ Vuka. Musa ukusilahla ngonaphakade.+ 24  Kutheni na uqhubeka ubufihlile ubuso bakho? Kutheni ukulibala ukuxhwaleka kwethu nengcinezelo yethu?+ 25  Kuba umphefumlo wethu uqubudele eluthulini;+ Isisu sethu sinamathele emhlabeni. 26  Vuka usincede+ Usikhulule ngenxa yobubele bakho bothando.+

Umbhalo osemazantsi