I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 43:1-5

43  Ndigwebe,+ Thixo, Lichophele ityala lam+ nxamnye nohlanga olunganyanisekanga. Kwindoda yenkohliso nentswela-bulungisa ngamana ungandisindisa.+   Kuba unguThixo wenqaba yam.+ Undilahleleni na? Kutheni na ndihambahamba ndibuhlungu ngenxa yokucinezelwa lutshaba?+   Thumela ukukhanya kwakho nenyaniso yakho.+ Ngamana zingandikhokela.+ Ngamana zingandisa entabeni yakho engcwele nasemnqubeni wakho ozukileyo.+   Ndiya kuza esibingelelweni sikaThixo,+ KuThixo, endigcoba ndinemihlali ngaye.+ Kwaye ndiya kukubonga ngohadi, Thixo, Thixo wam.+   Kutheni na uphelelwe lithemba, mphefumlo wam,+ Yaye kutheni na uxokozela ngaphakathi kum? Lindela kuThixo,+ Kuba ndisaya kumbonga njengosindiso oluzukileyo lwam siqu nanjengoThixo wam.+

Umbhalo osemazantsi