Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

Khetha ulwimi IsiXhosa

INdumiso 42:1-11

Kumalathisi. IMaskili yoonyana bakaKora.+ 42  Njengexhamakazi elilangazelela imisinga yamanzi,Ngoko umphefumlo wam ulangazelela wena, Thixo.+   Eneneni umphefumlo wam unxanelwe uThixo,+ uThixo ophilayo.+Ndiya kuza nini na ndibonakale phambi koThixo?+   Kum iinyembezi zam zikukutya imini nobusuku,+Ngoxa besithi kum imini yonke: “Uphi na uThixo wakho?”+   Ezi zinto ndiya kuzikhumbula, yaye ndiya kuwuphalazela kuwe umphefumlo wam.+Kuba ndandidla ngokudlula nomndilili,Ndandidla ngokuhamba ndicotha phambi kwabo ndisiya endlwini kaThixo,+Ngelizwi lentswahla yovuyo nombulelo,+Lesihlwele esibhiyozela umthendeleko.+   Kutheni na uphelelwe lithemba, mphefumlo wam,+Kutheni na uxokozela ngaphakathi kum?+Lindela kuThixo,+Kuba ndisaya kumbonga njengosindiso oluzukileyo lwam siqu.+   Owu Thixo wam, umphefumlo wam uphelelwe lithemba ngaphakathi kum.+Kungenxa yoko ndikukhumbula,+Ukusuka kwilizwe laseYordan ukusa kwiincopho zeHermon,+Ukusuka kwintaba encinane.+   Amanzi anzongonzongo abiza amanzi anzongonzongoKwakuvakala isandi somtshizo wamanzi akho.Onke amaza akho+Adlule phezu kwam.+   Emini uYehova uya kuyalela ububele bakhe bothando,+Kwaye ebusuku ingoma yakhe iya kuba nam;+Kuya kubakho umthandazo woThixo wobomi bam.+   Ndiya kuthi kuThixo oyingxondorha yam:+“Undilibaleleni na?+Kutheni na ndihamba ndibuhlungu ngenxa yengcinezelo yotshaba?”+ 10  Abo babonisa ubutshaba kum bandingcikiva befuna ukubulala amathambo am,+Ngoxa imini yonke besithi kum: “Uphi na uThixo wakho?”+ 11  Kutheni na uphelelwe lithemba, mphefumlo wam,+Kutheni na uxokozela ngaphakathi kum?+Lindela kuThixo,+Kuba ndisaya kumbonga njengosindiso oluzukileyo lwam siqu nanjengoThixo wam.+

Umbhalo osemazantsi