Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 41:1-13

Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. 41  Unoyolo nabani na onikela ingqalelo kwisisweli;+Ngomhla wentlekele uYehova uya kumsindisa.+   UYehova uya kumlinda amgcine ephila.+Uya kubhengezwa enoyolo emhlabeni;+Yaye akunakumnikela emphefumlweni weentshaba zakhe.+   UYehova uya kumxhasa emandlalweni wokugula;+Wonke umandlalo wakhe uya kuwutshintsha ngokuqinisekileyo ebudeni bokugula kwakhe.+   Ke mna, ndathi: “Owu Yehova, ndibabale.+Wuphilise umphefumlo wam, kuba ndonile kuwe.”+   Ke zona iintshaba zam, zithetha okubi ngam:+“Uya kufa nini na negama lakhe litshabalale?”   Yaye ukuba ubani uyeza kundibona, intliziyo yakhe iya kuthetha okungeyonyaniso;+Uya kuzibuthela into eyenzakalisayo;Uya kuphuma; athethe ngayo ngaphandle.+   Bonke abo bandithiyileyo basebezelana ngokumanyeneyo ngam;+Baqhubeka beceba okubi ngam:+   “Kugalelwa into engancedi nganto phezu kwakhe;+Ekubeni ngoku elele akayi kusukuma kwakhona.”+   Kwanendoda eseluxolweni nam, ebendikholose ngayo,+Ebisidla isonka sam,+ indiphakamisele isithende.+ 10  Ke wena, Yehova, ndibabale uze undiphakamise,+Ukuze ndibabuyisele.+ 11  Ngako oku ndiyazi ukuba uyayoliswa ndim,Ngenxa yokuba utshaba lwam aludumi ngoloyiso phezu kwam.+ 12  Ke mna, undiphakamisile ngenxa yengqibelelo yam,+Yaye uya kundimisa phambi kobuso bakho kuse kwixesha elingenammiselo.+ 13  Makabongwe uYehova uTHIXO kaSirayeli+Ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo.+Amen, Amen.+

Umbhalo osemazantsi