I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 40:1-17

Kumalathisi. KaDavide, uncuthu lwengoma. 40  Ndithembele kuYehova ngokunyaniseka,+ Waza wayithobela kum indlebe yakhe wakuva ukukhalela kwam uncedo.+   Kwakhona wandinyusa wandikhupha emhadini ogqumayo,+ Eludakeni lomgxobhozo.+ Wandula ke waluvelisa unyawo lwam engxondorheni;+ Wawamisela ngokuqinileyo amanyathelo am.+   Ngokubhekele phaya, wafaka ingoma entsha emlonyeni wam, Indumiso yoThixo wethu.+ Abaninzi baya kuyibona boyike,+ Yaye baya kukholosa ngoYehova.+   Inoyolo indoda eyomeleleyo ebeke inkoloseko yayo kuYehova+ Nengabubhekisanga kubantu abadelelayo ubuso bayo, Nakwabo baphambukela ebuxokini.+   Zininzi izinto ozenzileyo,+ Owu Yehova Thixo wam, kwanemisebenzi yakho emangalisayo neengcamango zakho kuthi;+ Akukho namnye onokuthelekiswa nawe.+ Ukuba bendityekele ekuxeleni ndize ndithethe ngazo, Zininzi kakhulu kunokuba ndinokubalisa.+   Akuyoliswanga ngumbingelelo nomnikelo;+ Ezi ndlebe zam uzivulile.+ Umnikelo otshiswayo nomnikelo wesono akuwucelanga.+   Ngenxa yoko, ndithe: “Ndizile,+ Emqulwini wencwadi kubhaliwe ngam.+   Ukwenza ukuthanda kwakho, Thixo wam, kundiyolisile,+ Nomthetho wakho ungaphakathi ezibilinini zam.+   Iindaba ezilungileyo zobulungisa ndizixelile ebandleni elikhulu.+ Khangela! Imilebe yam andiyithinteli.+ Owu Yehova, ukwazi kakuhle oko.+ 10  Ubulungisa bakho andibugubungelanga ngaphakathi entliziyweni yam.+ Ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho ndiluvakalisile.+ Ububele bakho bothando nokunyanisa kwakho andikufihlanga ebandleni elikhulu.”+ 11  Owu Yehova, musa ukuyeka ukundisizela.+ Ububele bakho bothando nokunyanisa kwakho makundilondoloze rhoqo.+ 12  Kuba iintlekele zandirhawula de azaba nakubalwa.+ Ndafikelwa ziziphoso zakho ezingakumbi kunokuba ndinokuzibona;+ Zaba ninzi ngakumbi kuneenwele zentloko yam,+ Nentliziyo yam yandishiya.+ 13  Owu Yehova, kholiswa kukundihlangula.+ Owu Yehova, khawuleza ukuza kundinceda.+ 14  Mababe neentloni badane kunye bonke+ Abo bafuna umphefumlo wam ukuze bawutshayele.+ Mababuye umva bathotywe abo bayoliswa yintlekele yam.+ 15  Abo mabajonge bathi manga ngenxa yehlazo labo+ Abo bathi kum: “Heke! Heke!”+ 16  Mabagcobe babe nemihlali ngawe abo,+ Bonke abo bakufunayo.+ Mabathi rhoqo: “Makenziwe mkhulu uYehova,”+ Abo bathanda ukusindiswa nguwe.+ 17  Kodwa mna ndixhwalekile yaye ndilihlwempu.+ UYehova uyandigqala.+ Uluncedo lwam noMsindisi wam.+ Owu Thixo wam, musa ukulibala kakhulu.+

Umbhalo osemazantsi