I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 4:1-8

Kumalathisi wemirhubhe.+ Uncuthu lwengoma kaDavide. 4  Xa ndibiza, ndiphendule, Thixo wam olilungisa.+ Ekubandezelekeni umele undenzele indawo ebanzi. Ndibabale+ uwuve umthandazo wam.   Nina bonyana babantu, koda kube nini na uzuko lwam+ luyinto yokuthukwa, Ngoxa niqhubeka nithanda izinto ezingento, Ngoxa niqhubeka nifuna ukufumana ubuxoki? Se′lah.   Ngoko yazini ukuba ngokuqinisekileyo uYehova uya kumahlula onyanisekileyo wakhe;+ UYehova uya kuva xa ndimbiza.+   Phazamisekani, kodwa ningoni.+ Thethani entliziyweni yenu, emandlalweni wenu,+ nize nithi cwaka. Se′lah.   Bingelelani imibingelelo yobulungisa,+ Nize nikholose ngoYehova.+   Baninzi abathi: “Ngubani na oya kusibonisa ukulunga?” Siphakamisele ukukhanya kobuso bakho,+ Yehova.   Ngokuqinisekileyo uya kuyinika imihlali intliziyo yam+ Emikhulu ngakumbi kunangexesha laxa ukudla kwabo okuziinkozo newayini yabo entsha iphuphuma.+   Xa kukho uxolo ndiya kungqengqa ndize ndilale ngoxolo,+ Kuba nguwe wedwa, Yehova, ondenza ndihlale ndinqabisekile.+

Umbhalo osemazantsi