Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 39:1-13

Kumalathisi weYedutun.+ Uncuthu lwengoma kaDavide. 39  Ndathi: “Ndiya kuzilinda iindlela zam+Ukuze ndilugcine ulwimi lwam lungoni.+Ndiya kubeka isicheme njengomlindi emlonyeni wam,+Logama nje kukho ongendawo phambi kwam.”+   Ndathula andathetha;+Ndathi cwaka kokulungileyo,+Yacinezelwa intlungu yam.   Intliziyo yam yaba shushu ngaphakathi kum;+Ekuncwineni kwam umlilo waqhubeka uvutha.Ndathetha ngolwimi lwam ndathi:   “Owu Yehova, ndibangele ndisazi isiphelo sam,+Nomlinganiselo weentsuku zam—uyintoni na,+Ukuze ndazi ukuba bufutshane kangakanani na ubomi bam.+   Khangela! Iintsuku zam uzenze zambalwa;+Nobude bobomi bam abunto phambi kwakho.+Ngokuqinisekileyo bonke abantu basemhlabeni, nangona bemi ngokuqinileyo, bangumphunga nje kuphela.+ Seʹlah.   Ngokuqinisekileyo umntu uhambahamba njengesithunzi.+Ngokuqinisekileyo baxokozela ngelize.+Umntu ufumba izinto engazi ukuba ngubani na oya kuzihlanganisa.+   Owu Yehova, bendithembe ntoni na?Ndilindele kuwe.+   Ndihlangule kuko konke ukunxaxha kwam.+Musa ukundenza ungcikivo kulowo ungenangqiqo.+   Ndiqhubeke ndingathethi;+ ndingenakuwuvula umlomo wam,+Kuba oko kwenziwe nguwe.+ 10  Sisuse kum isibetho sakho.+Ngenxa yobutshaba besandla sakho ndifikelele esiphelweni.+ 11  Umntu umlungise ngokumohlwayela isiphoso,+Izinto zakhe ezinqwenelekayo uzidla njengoko lisenza inundu.+Ngokuqinisekileyo bonke abantu basemhlabeni bangumphunga.+ Seʹlah. 12  Wuve umthandazo wam, Yehova,Uze ukubekele indlebe ukukhalela kwam uncedo.+Kwiinyembezi zam musa ukuthi cwaka.+Kuba ndingumphambukeli kuwe,+Umfiki ngokufanayo nabo bonke ookhokho bam.+ 13  Jonga kude kum, ukuze ndiqaqambe+Ngaphambi kokuba ndimke ndingabikho.”+

Umbhalo osemazantsi