Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 36:1-12

Kumalathisi. Eyomkhonzi kaYehova, uDavide. 36  Ilizwi lokunxaxha kulowo ungendawo liphakathi entliziyweni yakhe;+Ukoyika uThixo akukho phambi kwamehlo akhe.+   Kuba wenze ngokugudileyo kakhulu emehlweni akhe+Ukuze afumane isiphoso sakhe ukuze asithiye.+   Amazwi omlomo wakhe akukwenzakalisa nenkohliso;+Uyekile ukuba nengqiqo yokwenza okulungileyo.+   Uqhubeka eceba okwenzakalisayo emandlalweni wakhe.+Uzimisa endleleni engalunganga.+Akakugatyi okubi.+   Owu Yehova, ububele bakho obunothando busemazulwini;+Ukuthembeka kwakho kuphezulu emafini.+   Ubulungisa bakho bufana neentaba zikaThixo;+Isigwebo sakho sinjengamanzi anzongonzongo amaninzi.+Usindisa umntu nerhamncwa, Yehova.+   Hayi indlela obuxabiseke ngayo ububele bakho obunothando, Thixo!+Yaye oonyana babantu basabela emthunzini wamaphiko akho.+   Basela banele ukutyeba kwendlu yakho;+Yaye ubabangela basele umsinga weziyolo zakho.+   Kuba ukuwe umthombo wobomi;+Ngokukhanya okuvela kuwe sinokubona ukukhanya.+ 10  Qhubeka nobubele bakho obunothando kwabo bakwaziyo,+Nobulungisa bakho kwabo baneentliziyo ezithe tye.+ 11  Owu ngamana unyawo lwekratshi alingendifikeli;+Ke sona isandla sabantu abangendawo, masingandenzi isibhadubhadu.+ 12  Bawe apho abo baqhelisela okwenzakalisayo;+Batyhalwe bawa baza abakwazi ukuphakama.+

Umbhalo osemazantsi