I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 35:1-28

EkaDavide. 35  Owu Yehova, lichophele ityala lam kwabo bamelene nam;+ Yilwa nabo benza imfazwe nam.+   Bamba ingweletshetshe nekhaka elikhulu,+ Uze uphakame undincede,+   Uze urhole umkhonto nezembe elibukhali macala uhlangabeze abo bandisukelayo.+ Yithi kumphefumlo wam: “Ndilusindiso lwakho.”+   Kwanga bangadana bathotywe abo bazingela umphefumlo wam.+ Kwanga bangajikwa badane abo bandicebela intlekele.+   Ngamana banganjengomququ ngaphambi komoya,+ Ize ingelosi kaYehova ibatyhale.+   Indlela yabo mayibe bubumnyama neendawo ezimtyibilizi,+ Ingelosi kaYehova ibasukele.   Kuba bandifihlele iminatha yabo ngaphandle kwesizathu;+ Ngaphandle kwesizathu bawumbele umphefumlo wam.+   Makafikelwe kukonakala engazi,+ Umnatha wakhe awufihlileyo mawumbambe;+ Makawele kuwo onakale.+   Kodwa owam umphefumlo mawuvuye kuYehova;+ Mawugcobe ngosindiso lwakhe.+ 10  Onke amathambo am mawathi:+ “Owu Yehova, ngubani na onjengawe,+ Omhlangulayo oxhwalekileyo kulowo unamandla kunaye,+ Noxhwalekileyo nalowo ulihlwempu kulowo umphangayo?”+ 11  Kuphakama amangqina anogonyamelo;+ Andibuza oko ndingakwaziyo.+ 12  Okulungileyo bandivuza ngokubi,+ Bexhwalekisa umphefumlo wam.+ 13  Ke mna, xa begula, isinxibo sam sasingamarhonya,+ Umphefumlo wam ndawuxhwalekisa ngokuzila ukutya,+ Yaye umthandazo wam wawubuyela esifubeni sam.+ 14  Ngokungathi liqabane lam nomntakwethu,+ Ndandihambahamba njengalowo uzilele unina.+ Ndibuhlungu, ndaqubuda. 15  Kodwa ekujingxeleni kwam baba nemihlali baza bahlanganisana ndawonye;+ Bahlanganisana ndawonye nxamnye nam,+ Bendibetha ngoxa ndingazi;+ Bandihlekeza baza abathi cwaka.+ 16  Phakathi kwabahleki abawexukileyo ngenxa yeqebengwana+ Babenditshixizela amazinyo.+ 17  Owu Yehova, uya kukubona kude kube nini na?+ Wubuyise umphefumlo wam ekubhuqweni ngabo,+ Kwanalowo umnye kuphela+ kwiingonyama ezintsha ezinesingci. 18  Ndiya kukubonga ebandleni elikhulu;+ Ndiya kukudumisa phakathi kwesizwana esikhulu.+ 19  Owu ngamana abo baziintshaba zam ngaphandle kwesizathu bangangabi nemihlali ngam;+ Ke bona abo bandithiye ngaphandle kwesizathu, mabangaqobi iliso.+ 20  Kuba abathethi luxolo;+ Kodwa nxamnye nabo bathuleyo bomhlaba Baqhubeka beceba inkohliso.+ 21  Kwanemilomo yabo bandivulela ibe banzi.+ Bathe: “Heke! Heke! iliso lethu likubonile oku.”+ 22  Owu Yehova,+ ukubonile, musa ukuthi cwaka.+ Owu Yehova, musa ukuba kude nam.+ 23  Zivuselele uvuke ukuze undigwebele,+ Owu Thixo wam, Yehova, kwisimangalo sam.+ 24  Ndigwebe ngokobulungisa bakho, Yehova Thixo wam,+ Yaye ngamana bangangabi nemihlali ngam.+ 25  Owu ngamana bangangathi entliziyweni yabo: “Heke, umphefumlo wethu!”+ Ngamana bangangathi: “Simginyile.”+ 26  Mababe neentloni badane xa bebonke+ Abo bayivuyelayo intlekele yam.+ Mabambeswe ihlazo+ nokuthotywa abo bazigwagwisayo kum.+ 27  Mabamemelele ngovuyo babe nemihlali abo bayoliswa bubulungisa bam,+ Baze bathi rhoqo:+ “UYehova makenziwe mkhulu, oyoliswayo luxolo lomkhonzi wakhe.”+ 28  Nolwimi maluvakalise ngelizwi eliphantsi ubulungisa bakho,+ Indumiso yakho imini yonke.+

Umbhalo osemazantsi