Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nd 34:1-22

EkaDavide, ngexesha awayezenza ongenangqondo+ phambi koAbhimeleki, ukuze amgxothe, waza wemka. א [ʼAʹleph] 34  Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke;+ Indumiso yakhe iya kuba semlonyeni wam rhoqo.+ ב [Behth]   Uya kuqhayisa ngoYehova umphefumlo wam;+ Abalulamileyo baya kuva babe nemihlali.+ ג [Giʹmel]   Menzeni mkhulu uYehova kunye nam,+ Masiliphakamise kunye igama lakhe.+ ד [Daʹleth]   Ndabuza kuYehova, waza wandiphendula,+ Yaye wandihlangula kwizinto ezindothusayo.+ ה [Heʼ]   Bakhangela kuye baza bakhazimla,+ Yaye ubuso babo babungenakuba nazintloni.+ ז [Zaʹyin]   Lo uxhwalekileyo wabiza, waza uYehova weva.+ Yaye wamsindisa kuko konke ukubandezeleka kwakhe.+ ח [Chehth]   Ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo,+ Ize ibahlangule.+ ט [Tehth]   Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile;+ Inoyolo indoda eyomeleleyo esabela kuye.+ י [Yohdh]   Moyikeni uYehova, nina bangcwele bakhe,+ Kuba abasweli abo bamoyikayo.+ כ [Kaph] 10  Iingonyama ezintsha ezinesingci zinokuncinane yaye zilambile;+ Kodwa abo bafuna uYehova, abayi kuswela nantoni na elungileyo.+ ל [Laʹmedh] 11  Yizani, bonyana, ndiphulaphuleni;+ Ndiya kunifundisa ukoyika uYehova.+ מ [Mem] 12  Ngubani na indoda eyoliswayo bubomi,+ Ethanda imihla eyaneleyo ukuze ibone ukulunga?+ נ [Nun] 13  Lulondoloze ulwimi lwakho kokubi,+ Nemilebe yakho ekuthetheni inkohliso.+ ס [Saʹmekh] 14  Suka kokubi, wenze okulungileyo;+ Funa ukufumana uxolo, ulusukele.+ ע [ʽAʹyin] 15  Amehlo kaYehova akumalungisa,+ Neendlebe zakhe zibhekiswe ekukhaleleni kwawo uncedo.+ פ [Peʼ] 16  Ubuso bukaYehova bunxamnye nabo benza okubi,+ Ukuze akunqumle ukukhankanywa kwabo emhlabeni.+ צ [Tsa·dhehʹ] 17  Badanduluka, waza uYehova wabeva,+ Yaye kuko konke ukubandezeleka kwabo wabahlangula.+ ק [Qohph] 18  UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo;+ Yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.+ ר [Rehsh] 19  Zininzi iintlekele ezihlela olilungisa,+ Kodwa uYehova ulihlangula kuzo zonke.+ ש [Shin] 20  Uyawalinda onke amathambo alowo; Akukho nalinye kuwo elaphulwayo.+ ת [Taw] 21  Intlekele iya kumbulala lowo ungendawo;+ Nabo bamthiyileyo olilungisa baya kugqalwa njengabanetyala.+ 22  UYehova uyawukhulula umphefumlo wabakhonzi bakhe;+ Yaye akukho namnye kwabo basabela kuye oya kugqalwa enetyala.+

Umbhalo osemazantsi