I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 33:1-22

33  Memelelani ngovuyo, nina bangamalungisa, ngenxa kaYehova.+ Abo bathe tye kubafanele ukudunyiswa.+   Bulelani kuYehova ngohadi;+ Ngomrhubhe ontambo zilishumi.+   Mvumeleni ingoma entsha;+ Yenzani okusemandleni enu ngokudlala imirhubhe nenze nemikhwazo yovuyo.+   Kuba ilizwi likaYehova lithe tye,+ Yaye wonke umsebenzi wakhe uthembekile.+   Uthanda ubulungisa nokusesikweni.+ Umhlaba uzaliswe bububele obunothando bukaYehova.+   Amazulu enziwa ngelizwi likaYehova,+ Nomkhosi wawo wonke ngomoya womlomo wakhe.+   Amanzi olwandle uwahlanganisa ngokungathi kungedama,+ Ewafaka koovimba amanzi enzonzobila.   Bonke abasemhlabeni mabamoyike uYehova.+ Bonke abemi bomhlaba onemveliso mabothuke ngenxa yakhe.+   Kuba utshilo yena, kwaba njalo;+ Yena uyalele, kwama ngolo hlobo.+ 10  UYehova ulitshitshisile icebo leentlanga;+ Waziphuthisa iingcamango zezizwana.+ 11  Icebo likaYehova liya kuma kuse kwixesha elingenammiselo;+ Iingcamango zentliziyo yakhe zisuka kwesinye isizukulwana ziye kwesinye.+ 12  Lunoyolo uhlanga oluThixo walo unguYehova,+ Abantu abanyule njengelifa lakhe.+ 13  UYehova ukhangele esemazulwini,+ Ubabonile bonke oonyana babantu.+ 14  Ekwindawo emiselweyo ahlala kuyo+ Ubondele bonke abo bahlala emhlabeni. 15  Uyila iintliziyo zabo ndawonye;+ Uyayiqwalasela yonke imisebenzi yabo.+ 16  Akukho kumkani usindiswayo bubuninzi bomkhosi wamajoni akhe;+ Indoda enamandla ayihlangulwa bubuninzi bamandla ayo.+ 17  Ihashe liyinkohliso kusindiso,+ Nangobuninzi bamandla alo alinako ukubaleka.+ 18  Khangela! Iliso likaYehova libhekiswe kwabo bamoyikayo,+ Kwabo balinda ububele bakhe bothando,+ 19  Ukuze ahlangule umphefumlo wabo ekufeni,+ Ukuze abagcine bephila kwindlala.+ 20  Imiphefumlo yethu ibilindele kuYehova.+ Umncedi wethu nekhaka lethu nguye.+ 21  Kuba intliziyo yethu inemihlali ngaye;+ Sikholose ngegama lakhe elingcwele.+ 22  Owu Yehova, ububele bakho bothando mabungqineke buphezu kwethu,+ Kwananjengokuba besilindele kuwe.+

Umbhalo osemazantsi