I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 32:1-11

EkaDavide. Maskili. 32  Unoyolo lowo imvukelo yakhe ixolelweyo, isono sakhe esigutyungelweyo.+   Unoyolo umntu uYehova angasibaleli kuye isiphoso,+ Nekungekho nkohliso kumoya wakhe.+   Ndithi ndakuthi cwaka aphele amathambo am kukugcuma kwam imini yonke.+   Kuba imini nobusuku isandla sakho sasinzima phezu kwam.+ Ukufuma kobomi bam kutshintshiwe kwanjengolophu lwasehlotyeni.+ Se′lah.   Ekugqibeleni isono sam ndisivumile kuwe, nesiphoso sam andisigubungelanga.+ Ndithe: “Ndiya kukuvuma ukunxaxha kwam kuYehova.”+ Waza wena wasixolela isiphoso sezono zam.+ Se′lah.   Ngenxa yoku bonke abanyanisekileyo baya kuthandaza kuwe+ Ngelo xesha kuphela xa unokufunyanwa.+ Ke sona isikhukula samanzi amaninzi, asiyi kumchukumisa.+   Uyindawo yam yokuzifihla; uya kundilondoloza ekubandezelekeni.+ Uya kundingqonga ngentswahla yemivuyo yokusindiswa.+ Se′lah.   “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo.+ Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.+   Musa ukuzenza ube njengehashe okanye imeyile engenakuqonda,+ Ukudlamka kwazo okumelwe kulawulwe ngomkhala okanye intambo+ Ngaphambi kokuba zisondele kuwe.”+ 10  Zininzi iintlungu anazo ongendawo;+ Kodwa lowo ukholosa ngoYehova, ungqongwe bububele bothando.+ 11  Yibani nemihlali ngoYehova nivuye, nina bangamalungisa;+ Nimemelele ngovuyo, nonke nina baneentliziyo ezithe tye.+

Umbhalo osemazantsi