I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 30:1-12

Uncuthu lwengoma. Ingoma yokusungulwa kwendlu.+ EkaDavide. 30  Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba unditsale ndenyuka+ Yaye akuzivumelanga iintshaba zam zanemihlali phezu kwam.+   Owu Yehova Thixo wam, ndikhalele uncedo kuwe, waza wandiphilisa.+   Owu Yehova, uwukhuphile eShiyol umphefumlo wam;+ Undigcine ndiphila, ukuze ndingehli ndiye emhadini.+   Mculeleni uncuthu lwengoma uYehova, nina banyanisekileyo bakhe,+ Bulelani isikhumbuzo sakhe esingcwele;+   Ngenxa yokuba ukuba ngaphantsi komsindo wakhe kokomzuzwana,+ Ukuba ngaphantsi kwenkoliseko yakhe kokobomi bonke.+ Ngokuhlwa kusenokubakho ukulila,+ kodwa kusasa kukho intswahla yovuyo.+   Ke mna, ndithe ekonwabeni kwam:+ “Andisayi kushukunyiswa.”+   Owu Yehova, ngenkoliseko yakho intaba yam uyimise yanamandla.+ Ubufihlile ubuso bakho; ndaba ngulowo uphazamisekileyo.+   Kuwe, Yehova, ndaqhubeka ndibiza;+ Yaye ndaqhubeka ndibongoza uYehova ndicela ubabalo.+   Yiyiphi na ingenelo ekhoyo egazini lam xa ndisehlela emhadini?+ Ngaba uthuli luya kukubonga?+ Ngaba luya kukuxela ukuba nenyaniso kwakho?+ 10  Yiva, Yehova, undibabale.+ Owu Yehova, zingqine ungumncedi wam.+ 11  Ukuzila kwam ukutshintshe kwaba kukungqungqa;+ Ulikhulule irhonya lam, yaye undigcina ndibhinqe imihlali,+ 12  Ukuze uzuko lwam lukuculele uncuthu lwengoma lungathi cwaka.+ Owu Yehova Thixo wam, ndiya kukubonga ixesha elingenammiselo.+

Umbhalo osemazantsi