I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 3:1-8

Uncuthu lwengoma kaDavide xa wayebaleka ngenxa ka-Abhisalom unyana wakhe.+ 3  Owu Yehova, kutheni iintshaba zam zininzi?+ Kutheni bebaninzi abandivukelayo?+   Baninzi abathi ngomphefumlo wam: “Akayi kusindiswa nguThixo.”+ Se′lah.   Sekunjalo, Yehova, ulikhaka kum,+ Uzuko lwam+ naLowo uphakamisa intloko yam.+   Ngelizwi lam ndiya kubiza kuYehova, Yaye uya kundiphendula esentabeni yakhe engcwele.+ Se′lah.   Ke mna, ndiya kungqengqa ukuze ndilale; Ngokuqinisekileyo ndiya kuvuka, kuba uYehova uqhubeka endixhasa.+   Andiyi kuwoyika amashumi amawaka abantu Abazimise baluluhlu bandijikeleza.+   Sukuma,+ Yehova! Ndisindise,+ Thixo wam!+ Kuba kuya kufuneka uzibethe emhlathini zonke iintshaba zam.+ Amazinyo abangendawo kuya kufuneka uwaphule.+   Usindiso lolukaYehova.+ Intsikelelo yakho ikubantu bakho.+ Se′lah.

Umbhalo osemazantsi